‘Phantsi ngorhulumente wesilalo’

IBambela-Mphathiswa kwiSebe leMisebenzi yoLuntu uWeziwe Tikana, ethetha kumsitho iKamoso Awards obuseRegent Hotel eMontiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UMPHATHISWA wezoThutho nezoKhuseleko eMpuma Koloni uWeziwe Tikana, obebambele njengoMphathiswa weMisebenzi yoLuntu endaweni kaPemmy Majodina ngempelaveki esiyishiya ngasemva, uwugxekile umkhuba wamagosa karhulumente asebenzisa izikhundla zawo ukufuna ezesondo phambi kwengqesho.

UTikana ebethetha kumawonga (Kamoso and Service Excellence Awards) eSebe leMisebenzi yoLuntu kwihotele iRegent eMonti, apho bekuwongwa iiprojekthi namaphulo enza umahluko kuxhonkxo nophuhliso lweMpuma Koloni.

Ukusukela kwimisebenzi yokwakha imigangatho ukuya ekucoceni kwanokuxhonkxa, iinkquleqhu zokuphuhliswa kwephondo ziye zanikwa ingqwalasela ngokuvuzwa ngamawonga kwanezatifiketi.

Lo msitho ubukwanika imbeko kwindlezane kwanegqala lomzabalazo umam’ uAlbertina Sisulu.

UTikana uthi eyona ndlela iyiyo yokukhumbula igalelo likamam’ uSisulu, kukuba urhulumente asebenzele abantu ngokundilisekileyo.

“Ukuze sizinzise iingcingane zikamam’ uSisulu, kufuneka sibenenkonzo karhulumente engenabuqhophololo, ekhonza uluntu ngesidima nangonyaniseko. Inkonzo karhulumente engamkeli zinyobo. [Sifuna] igosa likarhulumente elingasebenzisi sikhundla salo ukufikelela kwizinikimaxabiso (iithenda) okanye lifune imbuyekezo ngezesondo,” utshilo uTikana.

Zithe gqolo ukubikwa izehlo zamagosa karhulumente asebenzisa izikhundla zawo efuna imbuyekezo yezesondo phambi kwengqesho okanye ukwenzela ubani iimfefe.

Kutshanje ootitshala abane, kuquka nenqununu, kwakunye nomabhalane kwisikolo iSt Matthews High kuQoboqobo banqunyanyisiwe liSebe lezeMfundo kulandela ibholo lezityholo zokumithisa kwanokulala abafundi ababhinqileyo.

EBhisho kukhe kwathi ndii izityholo zokuba amagosa athile karhulumente asebenzisa izikhundla zawo ukuphatha gadalala ngezesondo abantu ababhinqileyo.

UTikana uthi inkonzo karhulumente kufuneka igxile kungenelelo lwemibandela edla umzi, efana nentswelongqesho, ukungalingani kwakunye nendlala.

Lo Mphathiswa ukwathe kunyakamali ka2017/18 eli Sebe lidale amathuba engqesho phantsi kwenkqubo yeEPWP akwi-167 122.

Kwabo baphumelele amawonga singabalula umsebenzi wokuphuculwa kwesibhedlele iSt Patricks eMbizana, ukwakhiwa kwethala leencwadi laseLibode, ukwakhiwa kwenqila yaseTeko kuCentane kwanokwakhiwa kwamangcwaba aseLinge kuKomani.