Phumla ngoxolo Ndlovu, Wayigeqeza!

USinothando Ndlovu Hlulani UMFANEKISO: Facebook

WAZIWA kakhulu ngeziqhulo ezinongwe ngemeko yentlalo yaseBhayi, esonwabisa abantu ngenxa yokuzithutha nokugeqezisa kwakhe intloko xa ethetha.

Lowo nguSinothando “Ndlovu” Hlulani (12) obhubhe emva kokuba oogqirha bemfumanise ukuba unenyumoniya.

UNdlovu, obehlala eVeeplaas eBhayi, uqale ukuduma ngeevidiyo zokuzithutha nobuqhula eneminyaka elithoba. Udumo lwakhe lutsale oosaziwayo abafana neqhula uSkhumba Hlophe kwakunye neemvumi uOskido noDJ Tira. Okunye okumenzele udumo yingoma ethi Kubo.

Umakhulu kaNdlovu, uNomonde Fanele, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba akululanga kusapho emva kwezi ndaba.

“Kubuhlungu kakhulu, kuba ibingumntu othandwa kakhulu ngabantu. Uye akaphila ingakumbi ngeli xesha lokuhlala kwabantu ezindlini. Ibibonakala ukuba imvisa kabuhlungu le nto yakhe yokuhlala ndawonye.

“Ukhe waya esibhedlele kodwa waphuma oogqirha bengaboni nto. Kodwa uphinde waya esibhedlele emva kokuba sifumanise ukuba ubuthathaka emzimbeni. Kweli tyeli lesibini oogqirha bathe yinyumoniya. Uye wafakwa kwigumbi labagula kakhulu (ICU) wabe enalo uxinzelelo,” utshilo uFanele.

Inkonzo yesikhumbuzo, eza kwenziwa ngokuthi abo banika imbeko bafike nje ngemoto emva koko bahambe ngelokuhlonipha imithetho yokuvalwa kweentshukumo elizweni, iza kubanjelwa eSkwerini eVeeplaas ngentsimbi yesibini namhlanje (Lwesine).

Umngcwabo kaNdlovu uza kubanjwa ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithoba kule nyanga.

Phumla ngoxolo Wayigeqeza, Ndlovu Zidlekhaya!