“Qal’ uyiva!” bamatshekile bebona umtyekezo wezulu

AYIQHELEKANGA, ingumnqa kwaye yinto eqheleke kumabonakude.

Ezi zizimvo zabahlali bakwilali yaseNququ eCofimvaba, ababone “umhlola” wemvula ebonakele njengelifu okanye isitshingitshane isina kwindawo enye.

Kumakhasi onxibelelwano, apho abahlali bafake iividiyo kusenzeka esi “simanga” baqala ukusibona, bavakala bekhwankqisekile, bambi besithi obu bubugqwirha ngelixa abanye besithi kubonisa imihla yokugqibela.

Umhlali waseCofimvaba, oncokolele I’solezwe lesiXhosa, uthi esi saqhwithi semvula sine phezu kwedama laseNcorha.

“Lidama elingekudanga emizini, nto leyo ebangele kuchaphazeleke imizi ekufutshane kulo,” utshilo lo mhlali.

Kodwa abanye abahlali nabantu abaphefumle ngesi siganeko kumaqonga onxibelelwano bavakale beqinisekile ukuba, obu bubugqwirha xa kungolathi ukubuya kukaYesu Kristu.

“Kuye kwasibekela ngokukhawuleza. Jonga phezulu! He bethuna, yinyani le? Ndiyaqala ukuyibona, iqheleke etivini!” kuvakala umhlali waseCofimvaba kwividiyo.

Olu hlobo lwesitshingitshane-semvula ebizwa njengeWaterspout ngesiNgesi, ede ngamanye amaxesha ibangele umonakalo, yehle nakwilizwe laseFlorida kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo.

Ngokwezimvo zegqirha elincokolele I’solezwe lesiXhosa, isaqhwithi siyenziwa zizidalwa zomntu othwasayo.

“Isaqhwithi siyenziwa zizidalwa zomntu othwasileyo, ixesha elininzi xa loo mntu enomsindo okanye kukho impi ezayo ngakuye iba yindlela abathetha ngayo leya. Okunye ibe yiminyanya yomzi ezibonakalisayo emveni komsebenzi, okanye ibe kukuthakatha kusenzelwa ukudiliza umzi okanye into esekiweyo,” kucacisa eli gqirha lingafunanga kunkqangazwa ngegama.

“Ukhumbule kuyindalo ukuba kubekho isaqhwithi, hayi yonke into inentsusamabala, kodwa iba yindalo eyenza izinto ngexesha elithile. Isimo sezulu sibi kwilizwe lonke, izinto ziyatshintsha, ngoko ke neli lethu ilizwe alikhethekanga nganto, kwenzeka intando yendalo nemoyezulu,” kongeza eli gqirha.

AbeNational Geographic kwi-intanethi bayicacisa le meko yemoyezulu njengesaqhwithi okanye isitshingitshane-semvula.

“Yintsika yomoya ozaliswe ngamafu ojikeleza phezu kwamanzi amaninzi. Ngaphandle kwegama layo, ayizaliswanga ngamanzi asuka elwandle okanye echibini. Umbhobho wamanzi wehla kwilifu elibizwa ngokuba yicumulus cloud. Amanzi angaphakathi kumbhobho wamanzi enziwa kukujiya kwelifu. Zimbini iindidi eziphambili zemibhobho yamanzi, imibhobho yamanzi enenkanyamba kunye nemozulu entle,” kutsho le ngcaciso.