Qhakra! Menye! ifashoni eGcuwa

UThembisa Sikundla we La Tesh umvelisi wempahla zangaphantsi zabasetyhini ebebonisa ngeempahla zakhe kumboniso obuzimaswe eGcuwa

Kukho intetho yesiXhosa ethi “neqaqa liyagquma kowalo umngxunya”.

Kube njalo naseGcuwa kutshanje ngethuba umboniso wefashoni ethungwe ngabafundi baseWalter Sisulu University yaseBika, abenza ifashoni, bathe bayenza yamenyemenye ziimpahla zexabiso le dolophu, ebifudula iyeyesibini ngobukhulu kwezoqoqosho ngethuba lephandle laseTranskei.

Ubani ebengafunga athi ezo mpahla beziboniswa kwi-La Tesh Charity Fashion Show eGcuwa eBelle’s Place ngempelaveki, bezithungwe ngabantu esele bezenzele igama kwishishini lokuthunga ngenxa yobuhle kwanomfaneleko wazo.

Kuboniswe ngeendidi zonke zeempahla ezinxitywayo kulo mboniso, ezoobhuti kwakunye nezoosisi, kuquka nezinxitywa ngaphantsi.

Bekukwakho nezesiNtu kwakunye nezokuhomba.

UThembi Zizikazi Sikhundla weQueen La Tesh Foundation noyinzalelwane yakuCentane, wenze imbali okokuqala kule dolophu njengoko ibe kokokuqala usenzeka umboniso onje.

USikhundla uthi naye uyazingca ngalo nto kuba iGcuwa yenye yeedolophu ezincinane ekungekho lula ukusingatha iminyhadala enje, kodwa ekubonakala inawo umtsalane kwaye inalo nolutsha oluthanda ifashoni.

IQueen La Tesh Foundation inike ithuba abafundi baseWSU kuba isithi ifuna baphuhle nabo njengoko kungekho ndawo baye babonise kuzo iimpahla zabo.

“Bathunga iimpahla ezintle, umntu aphumelele akugqiba aphindele kowabo, xa egqibile angaziwa kwaye kungaziwa neempahla ezo zakhe okanye omnye aye eGoli apho kukho amadlelo aluhlaza.

“Ngoku lixesha lokuba nabo bazibonakalise zibonwe neempahla zabo bafumane amathuba okukhula,” utshilo uSikhundla.

USikhundla uthi ezinye zeempahla zakhe uzilanda kwilizwe laseChina.

Omnye wabathungi abe bebonisa ngeempahla zabo, uNamhla Fambaza, waKwaBhaca (Mount Frere), nogqwese ekuthungeni iilokhwe zamatheko, uthi lo mnyhadala ube negalelo kakhulu kubo bengabathungi kuba amathuba anje anqabile kubo.

Uthi ukuze zibe ziyabonwa iimpahla zakho kufuneka uye kwiidolophu ezinkulu.

“Esi sisiqalo esihle kuthi. Kwaye ibe yinto enkulu kuthi kuba iimpahla zethu ebezikulo mboniso ziboniwe nakooFacebook kwaye nabantu sele befaka izicelo,” utshilo uFambaza.

UFambaza uthi lo ibingumboniso wokuqala kodwa ubungekhe utsho ngenxa yomgangatho obukuwo.

Abanye babafundi ebebebonisa ngeempahla zabo nguAnam Njwabane kwakunye noNhlakanipho Richard Gumede.