Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu kwiphondo leMpuma Koloni uNancy Sihlwayi uthi ukungaziphathi kakuhle kwabafundi besikolo samabanga aphakamileyo iGwarubana eNgcobo kuko okukhokele ekuqhubeni kakubi kwesi sikolo kwiimviwo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo.
Kubantwana abayi-111 besi sikolo kuGrade 12 nyakenye, bangamashumi amabini ananye (21) kuphela abathe baphumelela.
Iingxaki ezithe zaphawulwa lisebe likaSihlwayi kwesi sikolo kungaziphathi kakuhle kwabafundi, kuvakala ukuba abafundi batshaya iziyobisi, abanambeko, basela utywala, bambi babetha ootitshala yaye aboyiki namapolisa. Ngexesha lokuya kwisikolo sasebusika abanye abafundi bayalahleka bangayi kunye nabantwana abajongene noxanduva lokujongana namakhaya.
Ezi ngxaki zichaphazela uninzi lwabafundi bonke kwesi sikolo. Ezi ngxaki umphathiswa uzichaza njengeziphazamiso ezifuna ukusonjululwa kubanjiswene ngabafundi, ootitshala, abazali kunye nesebe lakhe.
Inyathelo lokuqala ukujongana nabantwana abaneengxaki abangakwazi kuzithetha nabazali okanye ootitshala esi sikolo sizakuba nonontlalontle ozakuqala ukuphangela ngalo mvulo.
Abanye abazali banegalelo elibi kwikamva labantwana babo, uSihlwayi uthi ‘’abazali bayoyika ukuthetha inyani ebantwaneni babo, isebe lam lizakuya ngqo kwinqontsonqa yengxaki’’. Ukwathi abazali mabaqinise ingqeqesho babengumzekelo omhle ebantwaneni babo.
‘’Xa umzali esela utywala anxile phambi kwabantwana balwe notata wekhaya abantwana bafunda ntoni kulo nto. Ubuzali mabungalawulwa ngumabonakude noFacebook umzali ekhona,’’ utsho uSihlwayi.
Usodolophu waseNgcobo uLamla Jiyose uphose amazwi enkuthazo kubafundi besi sikolo watsho esithi abafundi mabaphume emakhaya bezazi ukuba baze kufuna ulwazi esikolweni ukulungiselela ikamva labo, wacebisa ukuba abafundi bawasebenzise ngendlela eyiyo amathuba abawafumanayo.
Abafundi bayivuyele inkxaso yesebe lezophuhliso loluntu batsho besithi baziva bekhuthazeka yaye banethemba lokuqhuba kakuhle kulo unyaka.
U-Achumile Ngenelo obefunda uGrade 12 kwesi sikolo uthi bothukile ziziphumo abazifumeneyo, kodwa eyona nto bebengayiqondi kukuba eli ayilotyala likatitshala nabo bengabafundi nendlela abaziphatha ngayo ibenegalelo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo