Qiniseka ngezenzo zakho

Akusekho mntu ulungisa mntu kwezi ntsuku siphila kuzo, akusekho nomntu onqanda mntwana’mntu, nkqu nabazalwa kunye.

Omnye ubheka le nomnye aye le, abantu bazijongile. Ukuba awuyazi into oyenzayo usengxakini, abantu bazokuyeka uyokoyela ngoku uhamba nabo phofu. Ze baphinde futhi bathi xa sele womelwe ngumqa wakho ephinini bathi ‘sasikhe sayibona ke le nto uba izophelela apha’ kodwa zange bathethe phofu.

Lo nto isibuyisele kwinto endihlala ndiyithetha ethi, yonke into iqala kuwe. Ukuze ungasoli mntu, qiniseka ngokwenza kwakho.

Andibasoli ke abantu abangabalumkisiyo abantu. Kwelinye icala bayazikhusela kwabona ngoba abantu abasathembananga. Uthi ngoku ucinga ukuba wenza into elungileyo umntu akujonge ngamanye amehlo, ubengathi uyammunyela. Apho ixaka khona ke ngoku, uthi sele umlumkisile, enze le ifunwa nguye, kwayena aphinde abuyele kuwe kwangale meko inye ubumxelele ngayo.

Andithi abantu mabaxhomekeke ebantwini, kodwa ndithi kuhle ngamanye amaxesha ukuva izimvo zabantu abohlukeneyo, abanye abantu bakhe bakule ndlela uyihambayo. Akukho nto intsha kulo mhlaba.

Le meko intsha kuwe ngokuqinisekileyo ukhona umntu okhe wakuyo. Ndlela le sisuke sigugusheke ngayo kanti siyozibulala, sizithathele izinto ezikude kuthi engesisindile kuzo uba besimamela, sifune uncedo.

Abantu bayakwazi ubangathi bakunye nawe kanti abakho apho. Ndisuke ndixakwe yindlela esibenza nzima ngayo ubomi ebekumele ukuba siyabonwabela. Into endayiqaphelayo kukuba xa usenza into engalunganga ubanabalandeli abaninzi ucinge abantu abangakuxhasiyo abakuthandi, kanti ke ngendlela abakuthanda ngayo banosizi kwayile yokubanegquba labantu abakusa kwantshabalalo.

Ewe, inyani soze ibemnandi kwaye singabantu siyakuthanda ukukhohliswa. Ndinabahlobo bam abakhe bathi kum uba, xa befuna ukuva inyani beza kum. Ukanti xa bengafuni ukuyiva bahambela pha kude. Lo nto ithethe ukuthi, abantu sele besenza ezi zigqibo zingezizo nje, emazantsi ezintliziyweni zabo bayayazi into ebekumele bayayenza. Ngamanye amaxesha umntu xa sezobhatyaza ubanabantu abatsha, abhobo abatsha.

Ayinamsebenzi ke into yoba umntu ukhetha ubuphila njani ubomi bakhe, ingxaki ivela xa umntu sele exakene nokwenza kwakhe, aqale abazi abantu abanokumenyula.

Ungacingi uba ngabantu abatsha phofu abo, kwa aba bantu ebemke kubo. Aphinde umntu abenezondo kubantu ebekade ecinga bangakuye lonke eli xesha. Caba sizode sinyaniseke eziqwini zethu xa liphi ilanga? Sele sisenza abantu babengathi ngabantu ababi nje kungenxa yokungafuni kwethu ukumamela, ukufunda, nokufundiseka.

Emakhayeni ethu sinomcelimngeni wezihlobo ezingafuni ukungena kwizinto ‘zala ndlu’ kuba besithi asingeni ndawo. Abantu abafuni ukulungiswa. Abanye sebelungisa abalungiseleli ukuba kulunge kodwa bazilungiselela bona.

Amakhaya amaninzi awasaxhasani egameni loba abantu bengafuni ukungena iindaba zabantu, babe abanye bebulaleka, nempakamo yethu kweli xesha lethu isitsalisa nzima. Abanye bathi befuna ukunceda nokusixhasa bangakwazi kuba kaloku sokhe iindonga ezinde ezibangela abantu bangafikeleli kuthi.

Bambi abasathembi bantu ngenxa yezinto ezikhe zenzeka ngaphambili, lo nto ibenze bangathembi msinya. Bubomi obunjani ke obo? Sizodlula nini kwezo zinto de sifikelele ekubeni ngabantu bekumele singabo? Nokuhleka oku, abantu bahleka bengahleki. Ungothuka ukufumanisa ukuba kwa ummelwane lo wakho umbona umhla nezolo kungathi konke kulungile uba wophela ngaphakathi.

Akwaba singayiqonda uba amaxesha amaninzi asidingi mali njengoba sicinga, koko sidinga ubuhlobo obububo, abantu abanyanisekileyo eziqwini zabo ngoba kaloku awukwazi ukunyaniseka kwabanye abantu unganyanisekanga kuwe. Akwaba abo bezayo kuthi befuna uluvo lwethu singabanika uluvo olunyanisekileyo oluthi ‘ndiyakhathala ngawe zive ukhuselekile’. Akwaba singadiliza la madonga made sizokhele wona ngenxa yezilonda zomphefumlo khe sonwabele ubomi ngale ndlela bekumele sibonwabele ngayo. Zininzi izinto ebekumele siyazenza emakahyeni ethu nasekuhlaleni, kodwa azenzeki ngenxa yoba kaloku kwathina asikho kwisimo esisiso.

Abantu bankenenkene, banee- konsi ezingabonwayo. Abanye bathwala izono zabanye babe abenzi bengabonakali nangotshengele. Nyaniseka kuwe, uba kuqaqamba ingalo yithi kuqaqamba ingalo ungathi limehlo ngoba kaloku kuzonyangwa imehlo, ishiyeke ingalo ingancedakalanga.

Xa sisiya ebantwini masiye kuba sifuna inyani hayi into esifuna ukuyiva. Inyani emsulwa yeyokuba akakho umntu odalelwe ukuphila yedwa, umntu ngumntu ngabantu. Siyadingana, masiphilisane kakuhle bethuna singakrokrelani.

Ndandikade ndingayiqondi kakuhle le ntetho ithi ‘ubomi bufutshane’. Bufutshane manyani, umhla esiwaziyo ngokuzalwa, owokulandulela eli ufihliwe kuthi ngako oko ke asifuni ukuhamba sixhakazela yinzondo, inqala, ikratshi nazo zonke ezi zinto zisenzela impilo nzima.

Mandiphinde ndithi, lungiseka, fundiseka, mamelisisa. Masikhulisane.