Qiqa xa uzakuqala ishishini lakho!

Ukuziqalela ushishino lwakho akuyondlwana iyanetha kuba eyona nto yokuqala kukuqiniseka ngemali leyo yokuqala ishishini.

Kule veki kwezoshishino sincokole noYoli Ndamase we-O’ Beautiful Ideas waseBizana nosele engusomashishini owaziwayo kummandla waseMampondweni ngokuthunga naluphina uhlobo lwento enxitywayo efana nempahla zesiNtu, iilokhwe zomtshato, iimpahla zokuthwala isidanga nezinye.

UNdamase uqale ngokusebenzisana neYunivesithi yaseWalter Sisulu kwezefashoni waphela sele engumhlohli khona ukusuka ngonyaka ka1993 esukothatha umhlala phantsi kwisebe lezemfundo.

Waphuma wayokuhlohla kwikholeji eseBizana esele isaziwa ngokuba yi-Ingwe ngaphambili yayisaziwa ngokuba Sisithebe emveni koko waphindela eWSU kwikhampasi iBika eGcuwa. Apho ebekwahlohla umthungo iminyaka elishumi elinesine nathe wayeka kunyaka ka-2013 ngeliyokuzivulela eyakhe indawo.

Ngesigqibo sakhe sokuvula ushishino eBizana, uNdamase uthe: “Yayisigqibo esindonwabisayo ndinezizathu ezininzi zokuba mandibekufutshane nalapho ndizalwa khona obu buhle ndibenza apha ndibuhlohla apha eWSU mandiyobenzela abantu basekhaya babembejembeje ndim nangona nje yayifika nenye ingqondo yokuba ndiyokuzimela ngoku imicelimngeni izakubakhona kuba ndizakuxhomekeka kwimali ephuma kum endiyibileleyo kwishishini eli, ukuba andisebenzanga namhlanje andizokubanayo imali. Kungoko ndazimisela ndisasuka kuba ndisithi ukuze usapho lwam lulale lutyile ndim lusajonge kum.”

Uthi enye yezizathu yokuzimela yayikukudinwa kukuba kude nekhaya, kwanokufuna ukuzimela nanjengoko esithi noko ixesha lokuphangelela omnye umntu kuye laliseliphelile.

UNdamase uthi uyayifumana inxaso kakhhulu kuluntu lwala mmandla nanjengoko esithi ixabiso lifikeleleka nakubani na kwaye uthi abanye batsalwa nabubuhle bezinto azithungayo. Uthi ungumntu ofikelelayo owamkela kwahlobo lomthungo olufikayo nomntu lowo ufuna ukuthungelwa lo nto.

Enye yemicelimngeni awathi wajongana nayo xa wayeyeka eWSU ngethuba eqala ukuyokuzimela uthi “yayikukoyika into endingayaziyo kuba ndandingayazi ukuba phambili ndakudibana nantoni njengoko kwakufuneka izixhobo zokuthunga kwanezokuqala yonke into nje kwanamalaphu okuthunga kwakufuneka ndizithengele ngokwam.

Igumbi esizakusebenzela kulo kufuneka likhuseleke llibesemgangathwebi Kwimali ekufuneka ndiyenzile kwakufuneka ndirholise abantu abandincedisayo kwishishini lam ezo yayizezinye zezinto ezazisentloko kum mhla ndandithatha eso sigqibo.

Ezinye zezinto endandizicinga yayikukuba andizukubanasuku ilolam lokurhola ndixhomekeke kum ukukhe ungabhatalwa ngabathengi kwanemali yentlawulo yendawo yeshishini yayimicelimngeni eyayisentloko,”utshilo uNdamase

Uthi xa ungumntu oneshishini kufuneka uzithengise kangangoko kubathengi bakho kwanabo usafuna ukubarhwebesha babengabathengi bakho ngokuthi ongenileyo aphinde abuye kwaye sele ebuya nomnye, Uthi iindabano zibalulekile uzithengise wena kwakunye nezinto zakho bakwazi abantu.

Kwizinto ezithi zimonwabise ngokuba neshishini elilelakhe uNdamase uthi , omnye unyaka kuye akafani nomnye odlulileyo umahluko ubakhona. Uthi sele eqeqesha nabantu kumashishini awenzayo abamncedisayo bathathu ekuthungeni kuquka naye ze kwicala labaphekayo nabahombisayo ibengabantu bethutyana athi ubacela ngezo ntsuku zixakekileyo. Kwaye uthi ngoku sele ebaqeqesha abantu abazokuthi bajongane namashishini akhe nanjengoko esithi noko sele ekhulile.

Uthi ukuzimela ubenendawo yakho oko kukunika nethuba lokuba ukwazi ukuhlangabezana nemiceli mngeni yobom ubenenjongo uye uzazi ukuba uyaphi ufunani. UNdamase uthi okwangoku iinjongo zokuvula enye indawo kwezinye idolophu ngenjongo zokwandisa ishishini lakhe akanazo.

Ukhuthaze uluntu esithi mabavuke emaqandeni isiphiwo onaso nokuba sele ingesesomthungo isesokulima nesenye nje into zama ukuzidibanisa nabantu okanye iindawo ezenza lo nto unesiphiwo kuyo uqale ngokuncedisa ube uzazi ukuba uphucula isakhono sakho ukwazi mhlawumbi ukhule ubenendawo ngenye imini uthi iminyaka ayivaleli mntu xa kuthethwa ngokusebenzisa izandla kwakunye nengqondo nalapho ebekhuthaza iintanga zakhe.

Enye yezinto athi uyibone ibalulekile kwishishini lakhe yimbeko ukuhlonipha abathengi bakho ukubaxabisa kwaye ubenabo nobudlelwano nabo kuba ukuthetha kubalulekile phakathi kwakho kwakunye nabathengi kuquka nabasebenzi bakho.