Qokelelani iiR350 zenu zikhedame ePosini

UMphathiswa woPhuhliso loLuntu kuzwelonke uLindiwe Zulu, epalamente udize ukuba bangapha ko700 000 abaxhamli beR350 abangekayithathi ehleli ePosini.

UZulu ukudize oku epalamente emva kokuba ethe wabhalelwa ileta yiEFF iqonda ukuba ingaba lingakanani lilonke inani labantu ekufanele ukuba bayaxhamla kwezi R350 kwaye ingaba bayaxhamla kusini na.

Oku kuza emva kwesankxwe soluntu abathi abazifumani bona ezabo iiR350 kodwa babebhalisile. Abanye bathi baneenyanga abayifumana ngayo ngezinye iinyanga bangayifumani.

IiR350 yimali eyakhutshwa ngurhulumente ngethuba kuvela icovid-19 ngo2020 ngenjongo yokuncedisa kumakhaya abo bangaphangeliyo.

Iindaba ezimnandi ngoku akunyanzelekanga ukuba kuyokufolwa umtyangampo womgca ePosini. Le mali iyafumaneka kwivenkile ezifana noPick n Pay, Boxer kwakunye noShoprite. UZulu uthi basaxoxa nevenkile uSpar kwenzele uluntu lukwazi nokuyifumana kuye.

UMphathiswa ukwadize ukuba uSASSA ukumalungiselelo naye kumba wokusebenzisana neebhanki ekubeni uluntu luyifumane nangefowuni iR350 yabo.

Ukanti uluntu kumakhasi onxibelelwano lwalukhalaza lusithi nangona nje lwalunikeze ngee-akhawunti zalo ngethuba lufaka izicelo, bambalwa abayifumana ebhankini. UZulu uthi imali kwababefake iiakhawunti zabo iyafumaneka ebhankini.

NgoFebhruwari kulo nyaka, uMongameli welizwe uCyril Ramaphosa uye wayandisa le granti yeR350, de ibe ngunyaka ozayo eyoKwindla 2023.

ANA PICTURES

Uluntu luyabongozwa ke luye eziPosini luyokuthatha imali yalo kuba ihleli nje ayide ithathwe.