Qulukubhode ngethuba kuvotiswa ooceba eBCM

Uqulukubhode
owenziwe ngamalungu ombutho we ANC ngexesha kufungiswa ooceba kumasipala wase
BCM ubonakalisa ubunzulu beyantlukwano nengxaki engaphakathi kulombutho. Amalungu
ombutho we ANC aphuma kwiwadi ezingaphezu kwamashumi amathathu avale ingcango
ezingena kwisakhiwo sikamasipala ebonakalisa ukungamnkeli kwabo abaceba batsha.
Umhlali wakwa wadi 17 uSiyabulela Kutu uthi bayawazi amanyala wabaceba kuquka
nalo wewadi yabo. ”U Kgalema besimxelele ngoku ebelapha eChristian Centre ukuba
asibafuni abaceba makaxelele utshomi bakhe,uPhumla Yenana akasokuze abenguceba
kuthi, uthengisa izindlu ekumele ukuba zifunyanwa ngabantu mahala kwitshomi
zakhe,”uthethe oko uKutu. Iwadi eziquka u42,13,17,20 zezona bezimelwe apha
ngabahlali bevakalisa ingqumbo yabo ngakwisigqibo sokufungiswa kwabaceba.

 Umasipala
wase BCM ebenozimelegeqe abebekumashumi amabini anesithandathu abebephuma
kumbutho we ANC ngenxa yokunganeliseki, omnye wabo baphume kwi ANC Xhanti Bolo
uthi benze impazamo ebangele ukusinda kwe ANC. ”Ukuba abantu bebengavotelanga
thina singozimele geqe bavote iDA bonke ngesikwazile ukukhupha iANC apha eBCM,
kodwa sifundile kulompazamo,”utsho uBolo. Umhlali wakwa wadi 13 uLumka Manyoka
uthi abamfuni uceba ofungiswe ngulomasipala uNokulunga Matiwane. ”Loceba lo
samnikwa ngu Naledi Pandor ekhumtsha esixelela ukuba uthunywe ukuba aze kwenza
lomsebenzi, yonke lonto ngaphandle kwezimvo zethu asingoceba wethu yilonto
sixhasa iPeople’s Choice. Ingqokelela yozimelegeqe beli bazisekela umbutho
ongxamileyo obizwa ngokuba yi People’s Choice phambi kokuba baye kulonyulo
lomasipala.Omnye woceba abafungiswe phantsi kwalenzima uNtombizodwa Gamnca
utyholwa ngokubulala umntu ekunye nomyeni wakhe.

 “Uninzi
lozimelegeqe bethu abaphumelelanga kuba kubiwe ivoti zethu zalahlwa ngalamasela
eANC, sinabo ubungqina sizichole emfuleni ezinye iBallot box,”utshilo uBolo.
Ukanti amalungu eEFF ebelapha nawo kodwa wona ecula iculo eli lodwa.Uceba
ebefungiswa apha egameni le EFF Noloti Mntwana uthi bona bayibona ngolunye
uhlobo yonke lento. ”Thina silapha ukuza kuxhasa bonke oceba be EFF
abebefungiswa namhlanje asinangxaki konke nabethu oceba,”utshilo umntwana.