R20 million yokulwa ubundlobongela

EKAPA: ISIXEKO saseKapa sikhuphe iR20 million ukulwa ubundlobongela eDelft, apho abezonyanzeliso-mthetho abayi-120 bazakuzinza kule ngingqi kule minyaka mithathu izayo. Kwasweleka abantu abayi -31 kwiintsuku eziyi-31 ngeli xesha kunyaka odlulileyo eDelft, uninzi ilulutsha olwalunyanzelwa ukuba lungene kumaqela emigulukudu iBarbarians neJunior Cisko Yakkies (JCY).

Uninzi lwabo baswelekayo babesuka eSection 16 eLeiden. Urhulumente wathumela iGang and Drug Task Team iyokulawula. Isixeko sisungule iNeighbourhood Safety Team (NST) izolo.

I-NST yasekwa kwiminyaka emibini eyadlulayo. Ilungu lekomiti yezokhuseleko uJP Smith, uthe ukwanda kobundlobongela ngunobangela wokuba iDelft ichongwe njengendawo apho izakuqala khona ukusebanza iNST.

Uthe kudala bephonononga iindlela abanokungenelela ngazo ukulwa ubundlobongela kule ngingqi. I-NST izakuquka iStabilisation Unit, School Resource Officers, Neighbourhood Safety Officers, Gang and Drug Task Team ne Violence Interruption Intervention.

“I-NST iquka onke la maqela akhankanyiweyo kwaye azakuhlala iminyaka emithathu. I-Delft yehlulwe izigaba ezine ezizakulawulwa ligosa lamapolisa eMetro, kubanjwe intlanganiso rhoqo ukuchaza inkqubela-phambili kwisigaba ngasinye,” utshilo.

Isithethi seBlue Downs Cluster Community Police Forum, ebandakanya neDelft uReggie Maart, ukwamkele ukuqaliswa kweNST eDelft.

“Iyafuneka kakhulu apha. Ngubani ongaze ayilibale inyhikityha yokufa kunyaka ophelileyo. Imigulukudu izakuphelelwa ngamatyholo okusithela ngoku. Nabazali bazokuyeka ukoyika ukuxela xa kukho into abangayiqondiyo,” utshilo. UNomsa Philiso owaswelekelwa ngumtshana wakhe kuloo nyhikityha uthe I-NST ifike mva kuye.

“Yayiphi kulo nyaka uphelileyo apho kwakukhala izithonga ubusuku nemini kunzima nokuphuma kwasendlwini. Ndiyathemba izakusebenza sitsho sikhuseleke.”