R3500? Izimvo zabasebenzi kwisibhengezo sowona mvuzo uphantsi

ZIyabethabethana izimvo zoluntu kwisibhengezo sakutshanje malunga noqingqo lowona mvuzo uphantsi ufanele ukuhlawulwa abasebenzi.

USekela Mongameli weli uCyril Ramaphosa ubhengeze ukuba owona mvuzo uphantsi kuzwelonke (National Minimum Wage), mayibengamawaka amathathu anamakhulu amahlanu (R3 500) eerandi ngenyanga okanye ishumi leeponti (R20) ngeyure.

USithandiwe Velaphi uncokole nabasebenzi abangqonge iMonti ukuva uluvo lwabo, logama uSiyanda Zakhe ethabathe imifanekiso.

Nosibusiso Ziwele: Mna ndihlala eKhwetyana eMonti, ndisebenza emakhitshini eCambridge kwaseMonti. Ndisebenza iiyure ezintlanu ngeveki, emva koko ndirhole iR600 ngenyanga.

Inkcitho yam yenyanga ingaphaya kokuqonda, kuba imali yokutya ingaphaya kwewaka lerandi. Ndicinga ukuba ingenza umahluko omkhulu ebantwini le mali ibhengeziweyo.

James Matambo, eVincent eMonti: Mncinane umvuzo weR3 500 ngenyanga, ukuba bekunokuthiwa iqala kumawaka amahlanu eerandi (R5 000), bendizakuvuya kakhulu. Iindleko zokuhlala nezokutya zixhomile phandl’ apha.

Mna ndisebenza njengomcoci kwityalike yamaWisile eVincent. Ndisebenze kulo msebenzi ukusukela ngo-1985, ndandisengumfana ngelo xesha. AmaWisile andiphethe kakuhle kakhulu noxa nje umntu engasoze onele yimali.

Nocawe Mtshikwana eZiphunzana eMonti: Imali endiyihlawulwa kwindawo endisebenza kuyo (eVincent eMonti) njengomcoci ayifikanga kwiR3 500 ngenyanga.

Inga urhulumente wethu angaqina, lifezeke elicebo lakhe kuba kwiindawo esisebenza kuzo siyaqhathwa. Mna ndisebenza iiyure ezilithoba ngosuku – ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu – kwaye ndihlawulwa iR2 300 ngenyanga.

Umvuzo weR3 500 ngenyanga ungandincedisa kakhulu, kuba iindleko zam ngenyanga azonelwa yile mali ndiyihlawulwayo. Ndifundisa abantwana, ndithenga ukutya kwaye ndikhwela iteksi kwakule mali.

Ukungoneli kwale mali, kundibangela ukuba ndiquqe

sithandiwe.velaphi@inl.co.za