R41 Bhiliyoni idinga abanikazi bayo

Iphulo iUnpaid Benefits Campaign likwiinzame zokunyanzelisa ukuba kuhlawulwe abantu beli abakwizigidi ezine imali yabo ekwiibhiliyoni ezingamashumi amane ananye egcinwe ziinkampani zogcino-mafa kweli.

Ingxelo yeli phulo ithi iinkampani eziquka iLiberty, Alexander Forbes neMomentum zezinye kwezo zigcine imali yomhlala-phantsi yabantu beli, kwaye abanye sele babhubha. Othethe egameni leli phulo uMoffat Chauke uthi babuhlungu kukuva ezi ngxelo.

“Sifumene ingxelo yokuba ngokwengxelo yengxowa-mali eqokelela imihlala-phantsi kweli yimali ekwiibhiliyoni ezingamashumi amane, le mali yeyabantu ababesebenza kwiindawo ezahlukeneyo kweli eziquka imigodi, kwaye kukwakho nabantu abangabemi bamazwe angaphandle abashiya imali yabo kule ngxowa-mali,” uthethe watsho uChauke.

Lo kaChauke uthi zininzi izizathu ezinikwe abantu abebezama ukufumana le mali, kodwa inyaniso kukuba kukho oodyakalashe abafuna ukuzenzela kule mali.

Kukho iingxelo zokuba umsebenzi webhodi ejongene neenkonzo zezimali kweli iFinancial Services Board, uRosemary Hunter, wabalixhoba ngonyaka ka2014 ngenxa yokudiza iindlela ezingekho mthethweni ebezicetywa yila bhodi ngeenjongo zokucinywa kwale mali.

Ukanti inkampani yakwaLiberty ityholwa ukuba nayo igxothe umsebenzi wayo ngo2011 ngenxa yokwenza ingxolo malunga nale mali egcinwe zezi nkampani.

Iphondo leMpuma Koloni liphakathi kwamaphondo anabantu abaninzi abasebenze emigodini nakwiinkampani zabucala eKapa naseRawutini, baza babuya bephaca bada babhubha abanye.

“Sizakuya kwii-ofisi zakwaLiberty, sisiya kunyanzelisa ukuba babuyise uMitchell Michelley ngokukhawuleza, bacele uxolo kuye esidlangalaleni, baqinisekise ukuba akaphindi abelixhoba kula nkampani, ahlawulwe ngenxa yemeko azibone ekuyo ngenxa yokugxothwa emsebenzini,” uthethe watsho uChauke.

Eli phulo lithi le mali mayihlawulwe kubanikazi bayo ngokukhawuleza ngobunjalo bayo ngaphandle kwengxaki, kungabikho mali itsalwayo kumntu ngamnye, mabaxelele uluntu loMzantsi Afrika ngokuqhubeka kwezimali, itsho ingxelo ye-Unpaid Benefits Campaign.

“Enye into sifuna ukuba zonke iinkampani zeli ezigcine imali ezindala zabantu ziqinisekise ukuba ziyabakhangela, zenze konke ezinako ukuqinisekisa ukuba bayafumaneka abo bantu,” ugadlele watsho uChauke.

Othethe egameni lebhodi ejongene neenkonzo zezimali (FSB) kweli, uTembisa Marele, ukhe wancokola ngalo mcimbi neli phephandaba kunyaka ophelileyo, nalapho wathi:

“Le mali ayigcinwanga sithi koko igcinwe zinkampani ezi, owethu umsebenzi kukuququzelela ukuba le mali idibane nabanikazi bayo,” utshilo uMarele. Le mali ingene kwezi nkampani kwiminyaka ephakathi ko-1960 ukuya kuma ngonyaka ka1980, itsho ingxelo.

“Umphathiswa wesebe lezimali kweli uMalusi Gigaba kuza kunyanzeleka ukuba athabathe amanyathelo asemthethweni ngakwibhodi ejongene neenkonzo zezimali kweli iFSB,” utsho uChauke.