“WAJIKELA umyeni wakho, owayememelela uncedo ngethuba ehlatywa amanxeba alishumi elinesithandathu.”
La ngamazwi ejaji yenkundla ephakamileyo yasePitoli uJaji Tshifhiwa Maumela ewabhekisa kumama wabantwana ababini owayalela ukuba kubulawe umyeni wakhe.
UHazel Ferreira (32), ubhuti wakhe * -Edward Koch (33) kwanombulali abamthenga ngemali engamakhulu asixhenxe eerandi (R700) uKevin Hutton (32) bonke bagwetywe ubomi ejele ngokubulala umyeni kaHazel uFrancisco Ferreira owaxhaxhwa elele kwikhaya labo eliseBassonia kwimpuma yeGoli.
Inkundla ive ukuba uHazel wenzela ikofu umyeni wakhe emenza ukuba alulame. Ngenene walulama de wabe ubiwa bubuthongo. Esaqala nje ukubetha ithatha, kwangena esi sibini sonda ngaye.
Inkundla ikwave ukuba uFrancisco, owayengumnini weshishini lokuthengisa inyama, wanika uHazel isixamali esivisayo efuna ukuba avule elinye ishishini. Ingxelo zithi uHazel wayehlisa ngomlenze le mali, kwaye uFrancisco wayesele ekukrobele oku.
Emva kweli sikizi lokubulawa kukaFrancisco, umzimba wafakwa kumgqomo wokulahla inkunkuma kwathengwa unoteksi ukuba ayokuwulahla ngakwi-ofisi yesebe lezasekhaya ekufuphi nale ndawo. Kodwa lo noteksi wakhawuleza wakukrobela oku, wafownela amapolisa nathi kamva abamba abarhanelwa.
Ewisa isigwebo, uMaumela uthi ukubulawa kukaFrancisco kubonakalise ukuba esisithathu asinantlonipho yobomi bomntu.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo