Ramaphosa: Asininyanzelisi bazali!

UMongameli Cyril Ramaphosa uthi akukho mzali uza kunyanzeliswa ukuba athumele umntwana esikolweni xa exhalabile ngokhuseleko lomntwana

UMongameli Cyril Ramaphosa ukugxininisile ukuba “akukho mzali uza kunyanzeliswa” ukuba ase umntwana wakhe esikolweni kule veki izayo, xa kukho inkxalabo ngokhuseleko lwabo.

Ethetha ngeCawe, uRamaphosa ubhengeze ukuba ukusukela ngoMvulo, izikolo ziza kuqala ukuvulwa kwakhona kubafundi bakaGrade 7 noGrade 12.

UMongameli ebesaleka kumazwi kaMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga, obenze esi sibhengezo sinye. Kule veki, ngokwesibhengezo sikaMotshekga, ootitshala baqalile ukufika ezikolweni kodwa izixhobo zokucoca iintsholongwane bezisalindiwe.

Kwintetho yakhe uMotshekga ebethe izixhobo ziza kube zisesikolweni phambi komhla wokuqala kweyeSilimela.

“Ezi zixhobo ziisanithayiza, iimaski, amanzi nogutyulo lwelindle. Izikolo ziza kucocwa. Bonke abafundi, ootitshala kwanabanye abasebenzi kwezemfundo baza kufumana ukufundiswa (ngokuzikhusela) xa kuvulwa kwakhona izikolo ukuqala ngoGrade 7 noGrade 12,” utshilo uMotshekga.

Kumbandela wothutho lwabafundi, uMotshekga uthe wonke umfundi uza kucocwa izandla xa engena kwisithuthi, akuzubakho ngxinano ngaphakathi esithuthini kwaye kuza kunxitywa iimaski rhoqo.

Ngethuba sibhala eli nqaku ngoLwesibini, ootitshala bebesithi basalinde izixhobo zokucoca iintsholongwane kwizikolo zaseDutywa.

Zithe gqolo ukukhabana izimvo ngokuvulwa kwakhona kwezikolo kule veki izayo, bambi abazali begxeka eli nyathelo lesebe.

URamaphosa uthi uyayiqonda inkxalabo yabazali ngokhuseleko lwabantwana babo.

“Mandiyigxininise ukuba akukho mzali uza kunyanzeliswa ukuba athumele umntwana wakhe esikolweni xa exhalabile ngokhuseleko lomntwana.

“Kodwa xa sisebenzisana sonke, futhi siyilandela imiqathango, siza kukwazi ukugcina izikolo zethu zikhuselekile. Iinkqubo ziyamiliselwa ukuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko kubafundi abakwinkqubo yokutyiswa esikolweni kwanezothutho,” utshilo uRamaphosa.

Imanyano yootitshala iSadtu eMpuma Koloni ithi yonelisekile yingxelo kaMotshekga ngamalungiselelo okuvulwa kwezikolo, yatsho imemelela kwiinqununu neeSGB ukuba ziqinisekise ukuba imiqathango emiliselweyo iyalandelwa.

Enye imanyano yootitshala iNaptosa ithi luxanduva lwesebe leMfundo esiSiseko ukuqinisekisa ukuba kukho ukhuseleko ezikolweni.

“Uluvo lweNaptosa kukuba xa zingekho izixhobo zokucoca, ootitshala mabangabeki emngciphekweni ubomi babo ngokuthi baye kwizikolo ezinjalo,” itshilo le manyano.