Ramaphosa: Maziphathwe ngokufanayo iinkokheli zemveli

Umfanekiso: Siyanda Jantjies

 

Usekela-mongameli weli uCyril Ramaphosa, uthi iiKumkani neeNkosi zeli maziphathwe ngokulinganayo ngurhulumente. 


URamaphosa uthethe oku ngethuba ebethetha kwisikhumbuzo seminyaka engamashumi amabini yasekwayo iNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni. 


Nje ngesithethi sembeko kulo mcimbi, uRamaphosa usebenzise eli thuba ekwancoma indlela esetyenzwa ngayo imicimbi yemveli eMpuma Koloni. 


“Ndivile ukuba ezinye iiNkosi zineemoto logama ezinye zihamba ngamahashe neebhayisekile, leyo yinto ekufuneka ukuba iphele, maziphathwe ngokufanayo iinkokheli zemveli,” uthethe oko uRamaphosa. 


Uthi indlu yeeNkosi yaseMpuma Koloni iseke umzekelo oye wasetyenziswa nazezinye izindlu kumaphondo ahlukeneyo. 


“Ndixelelwe ukuba iMpuma Koloni ifana nendawo yokufundisa kwamanye amaphondo ngemizekelo eyahlukeneyo, ndiqala apha ukubona indlu yeeNkosi inee-ofisi ezintle ezinje ngezi,” uthethe watsho uRamaphosa.

 

URamaphosa unqande izithethi eziquka uNkosi Ngangomhlaba Matanzima ngokumbiza ukuba ungumongameli. 


“Andingomongameli ndingusekela-mongameli, ndimbambele nje kuba umongameli usaphume ngaphandle kwelizwe, ngoko ke yahlukanani nokundibiza umongameli,” utshilo. 


Uthe ngempazamo anokuyenza yokuvuma ukubizwa ngomongameli angazibona elulekwa ngurhulumente nombutho wakhe ANC.


“Silungiselela indibano phakathi kwethu neeNkosi zemveli ngenjongo zokujonga indlela esisebenzisana ngayo, imicimbi equka imali abayamkelayo, kwanenxaxheba yabo kwibhunga lamaphondo kuzwelonke,” utshilo uRamaphosa. 


Uthi le ndibano bazakuzama ukuba iqhubeke phambi kweyoMnga walo nyaka ukuze baxhobise iiNkosi ngemicimbi yemithetho kwanokumamela zonke iingxaki neemfuno zeeNkosi ukuze zithathe inxaxheba kuphuhliso loluntu.


“Singaba senza impazamo enkulu ukuba asinakukhumbula apho sivela khona neeNkosi zelizwe loMzantsi Afrika,  sivela kude nezi Nkosi kuba umbutho weANC wasungulwa ngabantu beli bekunye neeNkosi zemveli,” uthethe watsho uRamaphosa. 

Uthi ukuzalwa kweContralesa kwakunye neNdlu yeeNkosi zemveli bubungqina bentsebenziswano phakathi kukarhulumente kunye neeNkosi zemveli.

 

“Ndiyawuncoma kakhulu umsebenzi owenziwe yile ndlu kule minyaka engamashumi amabini agqithileyo, kodwa ndivile ukuba kukho iiNkosi ezingaphezu kwamakhulu amabini ezidinga iimoto, kodwa andivanga kucelwa ooganda-ganda bokulima, ndimbuzile uNkosi Ngangomhlaba ukuba ababafuni na ooganda-ganda.”


Ukwathembisa ukuba iiNkosi zizakufumana ithuba lokuba zinxibelelane ngendlela zale mihla ngohlobo leWi-Fi.