Ramaphosa: Sicela iLove-Back. Uxolo ngeMarikana

USekela-Mongameli Cyril Ramaphosa ethetha kwiholo laseJoza, eRhini Umfanekiso: Aroundhiphop Livecafe

Ngentsimbi yokuqala besele ligcwele liphuphuma iholo lakwilokishi yaseJoza, eRhini. Kulindelwe uSekela-Mongameli weli, uCyril Ramaphosa, obesagqibezela intetho yakhe kwiYunivesithi iRhodes namhlanje.

Uthe asakufika, ekhatshwa ligqiza lakhe eliquka uEnoch Godongwane, Gugile Nkwinti, Noxolo Kiviet noZizi Kodwa, lahlokoma iholo kwahlatyelwa elithi “Zizojik’ izinto!”

OkaRamaphosa khange aphozise maseko phambi kokungena ngomxube wesiXhosa nesiNgesi “kwiintsapho ezithile ezifuna ukulawula izwe lethu, neenkokeli ezingamabanjwa azo, ezifuna ukuzityebisa kuphela” xeshikweni ebuza ukuba yekabani kanye kanye leNguqu eKhawulezileyo yezoQoqosho [Radical Economic Transformation] kuthethwa ngayo kutshanje? Esithi yena ukhetha iNguqu yeNtlalo nezoQoqosho eKhawulezileyo kunale kungxolwa ngayo ‘ngabathile’.

“Ngo-1994 safumana inkululeko yepolitiki, kodwa zange siyifumane inkululeko yezoqoqosho. Lilonke zange bakhululeke ngokupheleleyo abantu bakuthi ngokuya kwakufika le nkululeko. Abantu bakuthi abaphangeli, abanayo nemali!” kutsho uRamaphosa.

“IsiCwangciso soPhuhliso lukaZwelonke [NDP] sithi intswela-ngqesho iyakube ipha ku 6% ngonyaka ka-2030. Singayizuza na lo nto? UNgqondongqondo wezemali uEnoch Godongwana olapha kunye noGugile Nkwinti bathi ingenzeka!” Wongeze ngelithi ukuzuza oko kwafuneka ‘abantu abathile’ bayeke ukuba imali yesizwe, “xa kubiwa imali ayibikho imali yophuhliso! Kufuneka iphele lo nto. Singaze siphinde sibe nezoqoqosho obusezandleni zabamhlophe kuphela. UMqulu weNkululeko nawo watsho wathi ‘ubutyebi bezwe lethu kufuneka buxhamlwe ngabo bonke abantu beli!'”

Kubelapho apho anyibilike wangena kwezothanda okaRamaphosa, engxengxeza kubalandeli bakaKhongolose ngokubaphatha kakubi. “Siyazi ukuba niyiqumbele iANC, kodwa siyazi ukuba abantu bakuthi bayasithanda. Sinimoshile. Nathi kufuneka sibuye njengasinqandamathe esifuna i ‘Love-Back’ kuni; sicele uxolo kuni. Sithandwa sam, ndicela uxolo. Ndicela iLove-Back!” phambi kokuba kugigitheke uninzi kwiholo, bambi beneentloni xeshikweni uSekela-Mongameli lo ejekula ngathi ubambe esisinqandamathe acela kuso iLove-Back.

Ukanti, kwiYunivesithi iRhodes khange afumane kugigitheka kungako xeshikweni ethetha nabafundi abamamkele ngezandla ezidikidiki. Abafundi bamntswine wade wacela noxolo ngendima yakhe kwinyhikityha yembubhiso yabasebenzi baseLonmin, eMarikana koka-2012.

Ephendula umbuzo womfundi, uRamaphosa uthe uyaxolisa ngamazwi arhabaxa awabhekisa kubasebenzi-mgodini ngobusuku obandulela inyhikityha le, nalapho wathi ziindlavini zezikrelemnqa: “Ngethuba ndithetha oko kwakusele kubhubhe ishumi labantu; bexhokonkxene ngezona ndlela zimasikizi, bekhuphene amehlo, into imbi! Entliziyweni yam, ngokunokwam, ndathatha inxaxheba ekunqandeni ukubhubha kwabanye abasebenzi abongezekileyo. Ndangenelela. Kwaye ndizakuya kwakhona pha nomama uWinnie Mandela, ndiyokuthetha kakuhle nabasebenzi-mgodini.”

Usekela-Mongameli Cyril Ramaphosa ethetha kwiYunivesithi iRhodes, eRhini Umfanekiso: Aroundhiphop Livecafe

Kwigumbi lokufunda elaziwa njengeBarrat, eRhodes, bekumane kubakho ukumbombozela nabahumza oo “nawe, usisinhanha nje!”, “uyiLiberal (khululeke gqithi ngokokucinga)!” xeshikweni uRamaphosa ekhwela ezehlela kwizityebi eziligcuntswana kweli, nathe zizakuzuza kwakhona kule Nguqu iKhawuleziyo yezoQoqosho ziyingxameleyo kutshanje. Uvale ngelithi abafundi banoxanduva lokuthatha inxaxheba kwezepolitiki nokuphuhlisa ulwazi ngezifundo zabo ukuze sibe noMzantsi Afrika ongcono.

Ukanti abafundi bona babuye nelize emva kokuzama ngandlela zonke ukufumana iimpendulo kuye ngeengxaki ezibangqongileyo kule yunivesithi iRhodes; eziquka ukukhulisa ezoqoqosho ngolwazi lwemveli, ukuxhatshazwa kwabafundi nabasebenzi, imfundo esimahla, nezinye. 

“Sidane kakhulu yintetho kaSekela-Mongameli ongakhange akwazi ukuphendula umbuzo ongenkohlakalo yenkqubo yobungxowankulu. Endaweni yokusiphendula ngqo usuke wazulisa. Sineengxaki apha kule yunivesithi; sibekelwa ngaphandle, siyagxothwa, siyaxhatshazwa, oomama bethu abasebenza apha bayaxhatshazwa! Endaweni yokugxila kwezi ngxaki zethu usuke wayibaleka lo mibuzo,” uvale ngelitshoyo uAthenkosi Daniso, olilungu lenkongolo yabafundi baseMzantsi Afrika (iSASCO).