Ramaphosa: Xa ndinguMongameli!

UCyril Ramaphosa kunye no-Oscar Mabuyane

ZIINTSUKU zilithoba kuphela ezishiyekileyo phambi kwenkomfa yokonyula iinkokeli zikazwelonke kwiANC, nalapho uSekela Mongameli Cyril Ramaphosa, okugqatso lobuMongameli, sele evakalise uxanduva azakulenza iveki neveki e-ofisini xa sele enguMongameli.

URamaphosa ebethetha eMonti kwiveki ephelileyo ngethuba iANC yaseMpuma Koloni ibibambe umsitho wokhuliso ngxowa-mali yawo.

Kulo msitho, uRamaphosa uxelele loo nginginya yoosomashishini ukuba sele enaso isicwangciso somsebenzi wakhe weveki neveki e-ofisini xa nje enokuvotelwa ngonyaka ka2019.

Kodwa phambi kokuba kwenzeke oko, uRamaphosa uzakujongana nomceli-mngeni wokuqubisana noNkosazana Dlamini-Zuma, ubukhulu becala, kugqatso lokongamela iANC.

“Xa ndinguMongameli ndiza kuba nencwadi endibhala kuyo imisebenzi ethe yadaleka, iveki neveki. Xa ingadaleki le misebenzi, ndiza kufowunela ezi nkampani ndibuze ukuba zithini izicwangciso zabo zokudala amathuba engqesho, ingakumbi ukurhwebesha ulutsha,” utshilo uRamaphosa.

URamaphosa uthi uqoqosho kwilizwe liphela aluqhubi ngendlela eyamkelekayo, ngoko ke kufuneka ukuba abo bathwaliswe uxanduva banyathelele phezulu, basebenze nzima ukuze kutshintshe iimpilo zoluntu.

“Into ezakukhulula eli lizwe kubugxwayiba kuxa sidala amathuba engqesho kulutsha. Ukuba singenza lo nto, iimeko ezimaxongo kwilizwe lethu zingaphela,” utshilo uRamaphosa.

Yena uSihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane, uxelele aba somashishini ukuba, bengumbutho, bafuna ukubona uqoqosho luhluma ephondweni ingakumbi xa kuthethwa ngoqoqosho lweelwandle.

“Iilwandle zethu zikubude beekhilomitha ezidlulileyo kumakhulu asibhozo. Ukuba ke sifuna ukutshintsha iimeko zoqoqosho, masiqale kuqoqosho oluqamele ngeelwandle,” utshilo uMabuyane.

Ubuninzi bamasebe aseMpuma Koloni akhethe uRamaphosa njengomgqatswa ofanele ukuthabatha iintambo kuMongameli Jacob Zuma.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za