Rhulumente ziphi iincwadi zesikolo?

Abazali abaninzi bayakhala bekhaliswa yimeko yokungade kufike zincwadi ezikolweni zeli phondo. Bathi le yiveki yesibini izikolo zivuliwe kodwa akukho lizwi lisuka kwiSebe lezeMfundo malunga nomba wokuziswa kweencwadi ezikolweni.

Umbutho iAzanian People’s Organisation (Azapo) kwidolophu yaseMakhanda ubume phambi kweeofisi zeli sebe ngeenzame zokubonisa ukungoneliseki kwawo ngalo mba wokungafiki kweencwadi ezikolweni, ingakumbi izikolo zikarhulumente.

USekela Mongameli woLutsha kuzwelonke, uSiphosethu Manyathi, uthi iMakhanda yenye yeendawo ezitsala nzima kuba uninzi lwabazali aluphangeli, abanye bachanwe nayiCovid-19 njengoko uluntu beludendwa kuvalwa iinkampani ebelusebenza kuzo.

“Ukukhupha ezimpokothweni yinto leyo engazukubalula kuba imali abanayo. Abazali bathi bathe ootitshala abantwana mababe bezithengela iincwadi kuba befuna ukuqalisa ukuhlohla kuba bengazazi ukuba ziza kufika nini ezikarhulumente. Oku ke akuzukwenzeka ngoku kuba imali ayikho, bekufanele ukuba isebe lenze icebo kwangethuba ukunqanda ingxaki enje,” utshilo uManyathi.

UManyathi uthi ngoLwesibini kule veki isigqeba seSebe sifikile kwisikolo iKutliso Daniels sizokusabela, nalapho abahlali baye babayinxalenye yendibano leyo ibiza kubanjwa sesi sigqeba. Uthi bathenjiswe ngokuba iincwadi sele ziqalile ukuhanjiswa, ziqale ngomhla we12 kule nyanga kuza kube ngomhla we4 kwinyanga ezayo kugqityiwe, zonke izikolo zifumene. Uthi ebebekukhalazela kule ndibano kukuba kutheni bengaziswanga kwangethuba ukuba iincwadi azizukufika ngexesha ezikolweni kwaye kutheni kungakhange kwenziwe zicwangciso kwangethuba lisebe.

Uluntu nalo kwikhasi lonxibelelwano loMphathiswa uGade belusoloko lumthe nca ngombuzo omnye wokuba ziphi iincwadi.

Isebe lezeMfundo lithi lo mcimbi liwuqwalasele, belinomngeni wemali kodwa kwezinye iindawo sele ziqalile ukuhanjiswa iincwadi ezikolweni nangona zingazukufika ngexesha elinye.