#Rhythm City: Uyabhubha uSifiso namhlanje!

Ongasekhoyo uDumi Masilela obedlala uSifiso kwiRhythm City Umfanekiso: Uthunyelwe

INDLELA umdlali kamabonakude uDumi Masilela wabhubha ngayo ngethuba eqweqwediswa eThembisa, eRhawutini, kweyeThupha, kulindeleke ibe yindlela indima yakhe kaSifiso Ngema kumdlalo kamabonakude iRhythm City eza kusithela ngayo namhlanje.


 Emva kwethuba elide lokufakan’ imilomo nosapho lakwaMasilela, abaqulunqi beRhythm City bakhethe ukwenza isehlo esehlele uDumi ibe yindlela abamkhupha ngayo njengoSifiso kulo mdlalo.

 I’solezwe live ukuba ezi zinzame zokuvakalisa inkxalabo ngobundlobongela obugqubayo kwilizwe loMzantsi Afrika. 

Singalindela ntoni ? USifiso kwiRhythm City uza kubandakanyeka kuqweqwediso oluza kukhokelela ekubhubheni kwakhe.  Ababukeli abazukulubona uqweqwediso olu, kodwa luza kubikwa nguShakes. Usuku lokugqibela lokubona uDumi kumabonakude nguLwesithathu umhla we-11 kweyeDwarha.
 
Njengendlela yokuvalelisa kuye, kuza kubakho nenkonzo yesikhumbuzo kumabonakude ngoLwesithathu we-18 kweyeDwarha. 
Kwesi siqendu solu suku kuzakube kukho umama wokwenene kaDumi, uMam’ uSabatha Magdeline Masilela nomntakwabo uThabani Masilela bezimase le nkonzo. 

“Abadidiyeli balo mdlalo bagqibe ekubeni basebenzise le ndlela yokukhupha uSifiso kulo mdlalo njengendlela yokunika imbeko kumsebenzi kaDumi Masilela njengomlingisi, kananjalo nokubeka isithatha kulwaphulo-mthetho oluqatseleyo kwizixeko zethu,” kutsho uYula Quinn ongumdidiyeli weRhythm City. 

UMasilela wabhubhela esibhedlele emva kokudutyulwa ngethuba loqweqwediso eThembisa ngowe-2 kweyeThupha 2017.

Aphumle ngoxolo!