Rural Youth Health and Social Enterprise Development Indaba

Malunga ne-29% yabantu abatsha abaswele imisebenzi kumasipala ombaxa waseBCM, ngelixa umyinge ka-24% wabo bethwaxwa yindlala.

Uphando lubonisa ukuba indlala nokunqongophala komsebenzi kubeka abantu abatsha kumngcipheko wokosuleleka ngugawulayo, nanjengoko baye banyanzeleke ukuba babelane ngesondo besebatsha (blesser/ blessee tendences).

“Abanye bethu apha baxhomekeke kwimali yesibonelelo sabantwana bethu, ngokunjalo neemali esizifumana kumaqabane esihambisana nawo, oko ke kwenza kubenzima ukumnyanzelisa ukuba asebenzise ikhondom ngelokoyikisela ukushiywa, nangona nje ngamanye amaxesha usazi ukuba uyakudyolela,” izimvo zomntu omtsha.

AbakwaZanoncedo HIV/AIDS Centre besebenzisana noosomashishini basekuhlaleni kunye noozimelegeqe boluntu basiphathela indibano yolutsha lwasezilalini kwezempilo nophuhliso lwamashishini asekuhlaleni.

Umhla: NgoMgqibelo, 25 Juni 2016

Indawo: Chalumna (Xhamini Location)

Ixesha: 11h00 ukuyokutsho kwintsimbi yesine emvakwemini.

Izithethi:

1. Mr Tsela- Humana – People to People (What is the link between HIV, poverty and economic disempowerment?)

2. Ms L Ngebe- Youth Stylists Empowerment Program

3. Mr Peter- Ward Counsellor (Scaling up Social Entrepreneurs- Where are we now?)

4. Mrs Dukashe- Social entrepreneurship opportunities ( Programs for Youth development -Ingomso Consulting and ZHAC partnership)

5. Mrs Molakalala – Social entrepreneurship (Can we do it in our areas?)

6. Nesithethi esibekekileyo