SABC, ithini na le nto?

Kutheni amajelo kaSABC eshishiza apha eMthatha? Kutheni iindaba ezintle zalapha ephondweni zingavezwa kakhulu kuSABC? Kutheni kuvezwa ubundlobongela obungaka? Ligazi nokuxhatshazwa kwamanina rhoqo? Iindaba zikhethwa njani kwaSABC? Ingaba nyani ninomkhethe na kweli ziko loSasazo loLuntu? Anizisasazi ezigxeka kakhulu urhulumente, kunyanzeleke ziye koo-eTV. Injalo nyani?

Le mibuzo ingentla ayoyethu, yeyabahlali baseMthatha. NgoLwesithathu, umhla weshumi elinesithandathu kule, izikhulu zakwaSABC eziquka uNada Wotshela nooPhumzile Mnci badibane nabahlali eNelson Mandela Museum nalapho bebezokuqokelela uluvo loluntu ngemigaqo-nkqubo yeSABC.

Inye kuphela into efane yanconywa kule ndibano; sisiXhosa esisetyenziswa kuMhlobo Wenene kuphela. Emveni koko iye yaba luthotho lwezikhalazo ngeenkqubo ezidlala kumabonakude ezifana nooGenerations abagcwele isondo nomxholo ongakhiyo.

Kukwaxhaphake neenkqubo ezinomxholo obhityileyo owasoloko usoyama ngesijolo nesondo. Kukwacetyiswe ukuba abakwaSABC bacinge nzulu ngokuphuhlisa nokongeza amajelo abo osasazo kumabonakude; ukuze zonke iilwimi zeli zinikwe ithuba.

Ukanti abahlali khange baziyekele nakunomathotholo; bakhwele bezehlela kumdlalo kamanomathotholo ongu “Ithini na le nto?” abathe uyadika kwaye uyavakala ukuba ubhalwa ngumntu omnye qho.

Udabi lwenkolo nalo luye lwatshisa xeshikweni umhlali ebuza ukuba kutheni ooMhlobo Wenene besebenzisa abafundisi beeCawe ‘ezisemthethweni’ kuphela, hayi ezomoya – iiPentecostal neeCharismatic? Kukwakhalwe nangenkqubo engu Ukholo neNgqiqo engahluziyo izimvo zabantu; abahlali bakhalazele ibali lalo mama sibalisa ngaye kwiphepha lesithathu kweli lanamhlanje, besithi bekufanele ukuba bamcimile la mama uthi wabulala umyeni.

Kuye kwavela iingxaki ezininzi ezicangcatha nasekunqabeni komculo wegospile emini kuMhlobo Wenene nokuxhaphaka kweRnB nezomjuxuzo. Kuye kwabakho nabafune ukuva izibhengezo zezithuba zemisebenzi kuMhlobo Wenene, njengokuba kusenziwa kwiLesedi FM, esinye isikhululo seSABC.

AbakwaSABC bathembise ukuzisabela zonke ezi zikhalo neengcebiso. Siyathemba ukuba kwakubanjalo.