SABC: UMfundisi uFaleni ukhethe ukusebenzisa inkonzo yesikhumbuzo ukulahlekise usapho olubhujelweyo

I-SABC ikhuphe ingxelo malunga nento ethethwe nguMfundisi uMzukisi Faleni esidlangalaleni kwinkonzo yesikhumbuzo kaMfundisi uNomonde Vakalisa, nabayibona “njengeentetho ezilahlekisayo.”

“Kulusizi kakhulu ukuba kungathi ngeli xesha linzima kusapho kwakunye noogxa balowo ungasekhoyo [UMfundisi Nomonde Vakalisa], uMfundisi uFaleni akhethe ukusebenzisa inkonzo yesikhumbuzo ukuze alahlekise usapho olubhujelweyo, abo bebelapho kunye noluntu loMzantsi Afrika,” itshilo iSABC.

Owayesakuba ngumsasazi woMhlobo Wenene, uMfundisi Faleni unqike ilitye elineembovana ngethuba ethetha kwinkozo yesikhumbuzo kaMfundisi uVakalisa nalapho asebenzise iqonga ukuthetha ngemiba emalunga nezivumelwano zengqesho eSABC.

“Uneenyanga ezilithoba esebenza, kuba ikontrakthi yakhe ithi uza kugqiba unyaka kulo nyaka uzayo ngoMatshi. Okwangoku uNomonde uneenyanga ezilithoba kwaye kwezo nyanga zilithoba, uza kuphuma engenayo nesenti.

“Le yingxaki yeSABC. Umntwana kaNomonde akukho nto azakuyifumana, ngoba uNomonde uneenyanga ezilithoba ephangela kuphela. Abo baphetheyo, ingakumbi urhulumente wethu, makayijonge le nto,” utshilo uMfundisi Faleni.

Uqhubekile uMfundisi Faleni wathi le nto imbi kakhulu, imbi ngaphezu kunocalucalulo. “Akukho mntu obephangela iminyaka engamashumi amabini (20) okanye engamashumi amathathu (30) aphume kusithiwa uneenyanga ezilithoba,” utshilo.

I-SABC ithe uMfundisi Faleni uzazi kakuhle izivumelwano zengqesho ezithi zibephakathi kweSABC nabasasazi abazimeleyo (freelancers) ukuba azifani nezabasebenzi abasisigxina eSABC.

“Abasasazi xa betyikitya isivumelwano sengqesho, bayaxelelwa ngokungafihlisiyo le migaqo. Abayothuki ngexesha labo lokugula okanye bengasekho. Kuyothusa kwaye kuyadanisa ukwazi ukuba yonke le ntetho iphuma kumntu owayefudula exhamla kolu hlobo lwengqesho kwaye engenangxaki ngalonto,” itshilo iSABC.

Ngo2022, uMfundisi uFaleni wagxothwa kwisikhululo sikanomathotholo uMhlobo Wenene emva kwezityholo zokungqubana kwezivumelwano zengqesho kulandela ukusebenza kwakhe njengomntu owayenegalelo kwinkqubo yeZibonele FM, isikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni eNtshona Koloni.

UMfundisi Faleni wakukhaba ukungqubana kwezivumelwano zengqesho wathi ukholelwa ukuba isikhululo sikanomathotholo iZibonele FM asikhuphisana noMhlobo Wenene, nanjengoko ebesebenza kuMhlobo Wenene ngengomsasazi ozimeleyo.