Sabela uyabizwa emaXesibeni!

IiNkosi nesizwe samaXesibe eMpuma Koloni bakhumbula abaseki besi sizwe, imbali, namasiko nezithethe ngengoma eNkondlo eNgcobo.

IKomkhulu lamaQwathi kaDalasile eNgcobo lisetyenziswe njengeziko lokuqhuba lo msitho wesi sizwe esimbali yaso ifihliweyo.

UGqirha Somadoda Fikeni ngusihlalo wendibanisela wezizwe zamaXesibe kwiMpuma Koloni noMzantsi Afrika, uthi abanakubukela ukutshabalala kwesizwe sabo.

“Kudala esi sizwe sikaXesibe sijongelwe phantsi, xa kubaliswa ngaso kwenziwe ngathi sisizwe esoyame kwezinye izizwe, sikwiphulo lokuvuselela, ukukhumbuza nokubhala imbali yethu ngokwethu,” uthethe watsho uFikeni.

Ngonyaka ka2015 esi sizwe satyhila ilitye lesikhumbuzo kwaNdzongeni eSiphaqeni ngelinika imbeko kwiiNkosi namakhosikazi esizwe samaXesibe ingakumbi indlu yakwaNkosi uFikeni.

“Umzekelo ngulo wokuba abantu abayazi ukuba uQwathi lo ligama lenkomo kaMshushumbe iNkosi yesi sizwe kuthwa ngamaQwathi namhlanje, yena ephuma kwindlu kaNondzaba kaXesibe, kufuneka siyihambise le mfundiso iye kwizizukulwana,” uthethe watsho uFikeni.

Uthi ngaphandle kwesi sikhumbuzo kukho incwadi ezayo engembali yamaQwathi kuMzantsi Afrika.

“UXesibe ozele esi sizwe uyimfusi yamawele kaNjanya uMpondo noMpondomise, oku kubonisa ukuzalana kwethu nesizwe samaMpondo namaMpondomise nezinye izizwe,” utshilo uFikeni.

Othethe egameni lesizwe samaQwathi eNgcobo, uNkosana Dabulingwe Nzima, uthi zikho zonke izizwe zamaQwathi kulo mcimbi wokukhumbula amaXesibe.

“Kunyaka ophelileyo esi sikhumbuzo besisiqhubele eCala kwikomkhulu likaNkosi uZweloxolo Stokhwe, zonke iiNkosi zamaQwathi ziza kubakho,” utshilo uNzima.

INgcobo likomkhulu likaNkosi Zwelakhe Dalasile ekulele kulo amathambo weenkokheli zesi sizwe eziquka uKumkani Ngubengcuka wabaThembu, uNoni wamaQwathi, Nkosi Mhlontlo nezinye.

“Abantu bayakukhumbula ukuba uRharhabe naye wawela kweli laseNgcobo, uMadzikane kaZulu kaNcaphayi kaKhalimeshe, senza oku sikhumbula loo madoda esizwe esimnyama,”utshilo uNzima.

UMphathiswa uFikile Xasa, uPhumza Dyantyi noWeziwe Tikana – bazalwa bekwaphuma kwesi sizwe, kwaye balindeleke ukuba babe yinxalenye yesi sikhumbuzo, itsho ingxelo. Enye yendlela abathetha ngayo abantu besi sizwe xa bekhahlelana bathi: ‘Sabela uyabizwa emazibukweni!’

“Le ntetho isuka kwimbali yokuba amabutho wesizwe samaXesibe ebesebenzisa imilambo ukufihla amakhosikazi nabantwana xa kusiliwa, ngoko ke xa kukhwazwa abantu beqinisekiswa ukuba abakhwazwa lutshaba bebesithi, Sabela uyabizwa emazibukweni, bexela amazibuko omlambo,” utshilo uFikeni.

“UNkosi Zwelakhe Dalasile wamaQwathi eNgcobo, Nkosi Zweloxolo Stokwe waseCala, Nkosi Gilizizwe Tukani waseSterkspruit, Nkosi Jongisizwe Hinana waseHewu, Nkosi Nxele KwaZulu-Natal, Nkosi Gcinizizwe Mthwa waseMqanduli – zezinye zeeNkosi zesi sizwe,” utshilo uNzima.

Imbali yamaXesibe ithi uPixley Seme, Evelyn Mase nabanye abaninzi ngoosaziwayo besi sizwe.