SADTU: Fana neNtatheli ukhuthale kwaye uthi qwa xa unguTitshala!

Obesakuba yiNqununu eZithenjini Primary eDutywa nosele esidla umhlala phantsi, uKhangelani Ginya (63), uthi xa unguTitshala kufuneka uthi qwa, kungabikho nto ungayaziyo eqhubeka elizweni ubengathi uyiNtatheli kuba abantwana bona bathemba wena Titshala kwaye into ephuma kutitshala yiyona iyiyo kubo.

UGinya ebethetha kwitheko ebelenzelwe ngumbutho weeTitshala uSADTU, nalapho bebedityaniswe bonke abayeka phakathi kuka2020, ukuza kuthi ga ku-2024 kwingingqi yaseDutywa.

Itheko belibanjelwe kwibala lezemidlalo kwisikolo iNgubethole eDutywa. Uqale ukufundisa ngo-1988, eXhorha Mouth, esithi kwakungekho lula kuba yayingekho le nkululeko ingaka ikhoyo ngoku. Uthi uyabulela ngabakwenzelwe nguSADTU watsho esithi njengokuba behleli phantsi akuthiwa mabangqengqe ebhedini, koko mababeyimizekelo ekuhlaleni bancedise kwaye bacebise nalapho kufanelekileyo.

UGinya, ukwakhuthaze ooTitshala noTitshalakazi abasebatsha esithi okubalulekileyo kukuzimisela emsebenzini.

“Mabavale iindlebe ngezigxeko koko benze umsebenzi wabo. Nanini na, kwaye nabani na uyawazi umsebenzi weTiitshala ukuba umngakanani kwaye negalelo lazo. Okunye endinokucebisa kukubaluleka ukuhamba iiworkshop ufunxe ulwazi xa ungutitshala, zilungiselele xa usiya eklasini sukubalivila ungutitshala khuthala kwaye ubenolwazi”.

Ekuqaleni ngabanye babo sele besidla umhla-phantsi nguNomonti Mafuya (60), Nomveliso Sikhuni-Cwayi (60) kwakunye noKhangelani Ginya (63) eDutywa ngethuba uSADTU enze itheko lombulelo: UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UNobhala weSADTU eMpuma Koloni uMalibongwe Ntame uthe abanye khange balifumane ithuba lokuba babhiyozelwe kwaye bengakhange bayidle imali yabo yomhlala phantsi, imali yabo abayisebenzele nzima, futhi bengakhange baphumle esithi aba bakule ntente basikelelekile.

“Mbuleleni uThixo kuba isifo seCovid sagebhula kodwa nina nasinda kuba uThixo esenenjongo ngani, ngoko ke ze nibeyimizekelo emakhaya nasekuhlaleni nibezinkokheli.

USolophu waseMbhashe uSamkelo Janda, ubongoze la magqala ekubeni azangahlali xa efika emakhaya, aze alime ukuze atye ukutya okunempilo futhi ahlale ezilolonga azibandakanye neqela laseMbhashe labantu abadala elidlala ibhola, ababalekayo nabafunda iincwadi ukuze bahlale besempilweni.

UJanda uthi kungabikho mntwana usokolayo ngokolwazi bakhona bezititshala kuba bakuhlala bezizo naninini na.

Omnye woomama osele wathabatha umhlala phantsi kwimimnyaka eyadlulayo, uMs Mbiza, uthi waqalisa ukutitsha kwela xesha lobunzima bengaphathekanga kakuhle kodwa banyamezela, naye ukhuthaze abaza emva kwakhe ukuba banyamezele kuba bona sele kulula benabo nooSADTU.

UMbiza ubulelele bonke abahleli phantsi ngokukhujulwa kwabo nguSADTU.

UMtame ukwabongoze ukuba iSADTU igcinwe ngomthandazo, Ithandaziswe kuba esithi imibutho igqitywa ngabo zinkokheli.

Ngokokutsho kukaNtame, iSADTU igqiba iminyaka eyi-34 kulo nyaka njengoko yasekwa ngo-1990, yabe ngoko inamalungu ayi-3000.