Sagweba: Igolide iyakwazi ukuphuma ethuthwini

USagweba ophumelele imbasa kwiiSATMA ekunye noJessica Mbangeni

“Le impumelelo yeli wonga lokuba yeyona mvumi iyindoda igqwesileyo yalo nyaka kwiiSATMA ayoyam ndodwa yeyazo zonke iimvumi zomculo kaMasikhandi zephondo leMpuma Koloni!” lawo ngamazwi kaSijadu Potelwa nowaziwa ngelikaSagweba eqongeni, oyinzalelwane yaseBolotwa eDutywa.

USagweba uthi esitsho oku nje, kukuba le indawo aphumelele kuyo bekukokokuqala iphunyelelwa apha ephondweni; ayizange ngaphambili yaphunyelelwa yimvumi yalapha ephondweni.

USagweba kule ndawo aphumelele kuyo ebeqobisana nabadumileyo abathandwa kakhulu, uSjava kwakunye noVusi Nova, nathe wabahlalisa phantsi.

Uthi impumelelo yakhe ikwathetha lukhulu kuye kuba ufuna ukwenza umahluko kwaye abe ngumzekelo kulutsha nanjengoko ephuma ezilalini.

“Igolide iyakwazi ukuphuma ethuthwni, umntu kwindawo aphuma kuyo makangayijongeli phantsi nokuba ihlupheka kangakanani kuba lo nto ayithi sakuphela sihlupheka nathi. Utshintsho luxhomekeke kuthi ngokuthi uphakame ufezekise amaphupho wakho,” utshilo uSagweba.

Ubulele inkxaso engajikiyo ayifumene koogxa bakhe kulo mculo kwakunye nabalandeli bomculo wakhe abathe bamvotela. USagweba ebekhe waphumelela iwonga kwiMbashe Youth Awards ebezibanjwe ngenyanga kaCanzibe eDutywa, kwaye ebesekhe wachongwa nakwiGlobal Music Awards zaseMelika.

Eli cwecwe aphumelele ngalo iselelokuqala ngqa nelidume ngeengoma ezithi Signal, nethandwe kakhulu ethi emaThaveni. Uthi impumelelo yakhe ayithethi ukuba kugqityiwe ngoku koko ithetha ukuba uhambo lwakhe luyaqala emculweni. Uthi ikwangumbono kwanephupho lakhe ukusebenzisana nezinye iimvumi zephondo ekubeni baqaqambise nangakumbi lo mculo kweli phondo njengoko iyiKwaZulu Natal edumileyo.

Ukanti ixesha lisekhona, ungamvotela kwakhona uSagweba njengoko ephinde wachongwa njengeBest New Comer kwiiECMAS ku: 33459 ezizakubanjelwa eMonti kwinyanga ezayo. Umyalezo uxabisa iR1.50 kuphela.