Sakugxotha de kubenini?

Ukuba ungumlandeli wezepolitiki yeli siqinisekile uyazi ukuba kukho iqela labantu kunye nemibutho yezepolitiki ethi makagxothwe umongameli weli.

Oku kulandela umba worhwaphilizo lwemali kulwakhiwo lepomakazi lendlu yakhe. Nezinye ke izityholo ezimalunga namatyala akhe akudala.

Sisuke apho siye nakweminye imizekelo yabantu abathi xa bethe abahamba ngokufanelekileyo kukhawulezwe kuthiwe mabagxothwe. Kule veki sivuswa ngeendaba ezithi makagxothwe usihlalo wekomiti yezemisebenzi kazwelonke, uLumka Yengeni.

OkaYengeni utyholwa ngokuphatha kakubi umsebenzi ogcina umamazala wakhe eGugulethu eKapa.

Ithi into umsebenzi lo ebesebenza into engangeeyure ezingamashumi amabini anesine ngosuku enganikwa nexesha eli lokuphumla ngoba kaloku ebehoye umntu omdala obengakwazi kuzenzela nto, ehleli ebhedini.

Njani ukuba usihlalo wekomiti yezemisebenzi aphathe kakubi umsebenzi wakhe? Kwabamaziyo uYengeni bakukhumbula ukuba utyhutyha eli loMzantsi Afrika egqugqisa abaqeshi abaphethe abasebenzi kakubi. Njani ngoku ibenguye ophethe umsebenzi kakubi?

IDA ithi makusele kugxothwa uLumka Yengeni ubuqu ngoba akanokukwazi ukumela abasebenzi engayenzi yena kuqala le nto ayilwelayo.

Kubekho nomphathiswa wezolimo onguSenzani Zokwana ekwafumaniseka ukuba ubabhatala imali encinci abasebenzi beyakhe ifama. Nalopho kwabakho abathi makagxothwe umphathiswa lo.

Ingxaki ngokungxamela ukugxotha abantu yeyokuba abanikwa thuba lolwaluleko. Umntu akakwazi ukufunda isifundo okanye alungise iindlela zakhe ukuba ugxothwa zisuka xa kufumaniseke ukuba uphazamile.

Kufuneka siyinike ingqalelo le nto, ingakumbi kwiinkokeli ezintsundu ngoba sisalufunda olu lawulo lezwe, ngoko ke kufuneka zamkelwe, kwaye umntu alungiswe xa ephazamile.