‘Sakunihoya bahlali, asiqinisekanga ngexesha’

KWABANYE abantu abahlala emaphandleni ukuthwasa kwehlobo kuza nemigcobo yemvula nohlaza oludala ukuba ityebe imfuyo ze kuhlaziyeke nemiphefumlo eluntwini, kodwa akunjalo kuluntu lwaseBacclesfarm eNtabethemba kuKomani.

Rhoqo ngexesha lasehlotyeni, uluntu lwaseBacclesfarm lubanexhala lokutshona kwemfuyo emlanjeni okanye ivaleleke phesheya komfula ngenxa yokuswela ibhulorho ekuqengqeleke iminyaka uluntu lwale ndawo luthenjiswa ngayo nguurhulumente.

Ibhulorho yokuqala olwaluyakhelwe uluntu lwale ndawo yemka nomlambo ingengagqitywa kakuhle kuba yayingekho semgangathweni futhi ingazange yahlolwa ziingcaphephe phambi kokuba yakhiwe.

Ukungabikho kwebhulorho kule ndawo kwabangela ukuba kubhubhe umntwana owayezama ukuwela umfula. Ukanti yona imfuyo emke nalo mfula, mhla kungezikhukula, ingaphaya kokuqonda.

Eyesibini ibhulorho inguntsintsintsi kwaye abahlali bathi abanathemba lokuba iyakugqitywa nini. Izixhobo zayo zilahlwe phaya zigxwalile, akukho mntu uzijongileyo. Ukungaqhubeli phambili kwale bhulorho yesibini kudale ingqumbo kubahlali baseBacclesfarm, bambi abathembi nokuba iya kuze igqitywe.

I’solezwe lesiXhosa, eliwela imifula igcwele, lityelele eBacclesfarm lawela umfula wale ndawo ungenabhulorho. Endaweni esiwele kuyo, yile inebhulorho eyasitshulwa zizikhukula.

Wonke umhlali odibana naye eBacclesfarm, uthwala izandla atshijile xa uthetha ngebhulorho yale ndawo. “Neenqwelo zezigulana ezisuka eTarkastad zifuna ibhulorho ukuze zifikelele ngendlela eyiyo. Nemfuyo ikwafuna le bhulorho ukuwela xa kugcwele umlambo,” kutsho umhlali wale ndawo uThapelo Philipps.

“Yiminyaka sifuna le bhulorho. Siyifunela abantwana abawela phaya xa besiya esikolweni eTarkastad, kwanathi buqu xa sisiya eTarkstad. Ibhulorho yethu yokuqala yemka namanzi kuba yayakhiwe kwindawo engalunganga.”

Okwikomiti yewadi uMavis Qolo uthe: “Siva kabuhlungu ngolibaziseko lwale bhulorho. Sinoloyiko ngale bhulorho intsha yakhiwayo, kuba nale yokuqala yayakhiwe yemka ingakhange ibe kanti igqityiwe. Ukugqitywa kwale bhulorho iya kuba yinto entle kakhulu kubantu bale ndawo ingakumbi abo badala kuba kudala beyilangazelela ibhulorho.”

UMzikayise Vavana, okwikomiti yokwakhiwa kwale bhulorho, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ukulibaziseka kwale bhulorho kudala ukukhula kokungathembi urhulumente.

“Le bhulorho yesibini iqale ukwakhiwa ngo2018. Sithe sisajongile unokontraka wathi uyahamba yena kuba akabhatalwa ngumasipala. Enye into eyaqalayo phambi kokuba unokontraka ahambe, kwaqalwa kwaphungulwa abantu abasebenzayo ebhulorhweni kusithwa imali ayonelanga.

“Ngo2017 sasixelelwe ukuba imali yebhulorho ikhona, kodwa ngoku into esiyivayo kukuba umasipala uthathe imali yethu yebhulorho wayobhatala amatyala wakhe. Uceba wethu akazange eze kuthi azokusixelela ukuba ulubaziseko ludalwe yintoni, de sabe kanti siyobuzela kuye,” kutsho uVavana.

UVavana uthi “yiminyaka sifunana nale bhulorho, sithenjiswa kodwa zingade zifezeke ezo zithembiso. Neenkosi zale ndawo zayizama zayincama ibhulorho”.

“Thina sizibona singabantu abangakhathalelekanga. Le nto ibangela ukuba singamthembi urhulumente, kuba kaloku ukuqala kwale bhulorho kwakuthwe imali ikhona. Asiyazi ukuba sakunkqonkqoza kowuphi umnyango ukuze kugqitywe le bhulorho,” utshilo uVavana.

Othethela uMasipala iEnoch Mgijima, uLonwabo Kowa, uthi nyakenye imali efanele ukuba iya kumaphulo ophuhliso kulo Masipala yakhonkxwa liSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi (COGTA) kwakunye neSebe lezeMali kuzwelonke.

“Ngelo xesha kwakukho ukungavisisani phakathi koMasipala kwakunye nowayenguMlawuli (Administrator) uMnu. Vuyo Mlokoti. La masebe mabini ayengoneliseki yindlela esimiliselwa ngayo isicwangciso sikamasipala sokubuyisela uzinzo kwezemali.

“Le meko yakhokelela ekubeni iqela leeprojekthi zingagqitywa, kwanoonokontraka beqhawula izivumelwano nomasipala. Kule projekthi yaseBacclesfarm, unokontraka akakhange asiqhawule isivumelwano nomasipala, koko umise nje umsebenzi kwaye iindleko zithe zachaphazela uMasipala nanjengoko unokontraka ehlawulisa uMasipala ngezinye zezixhobo zakhe,” utshilo uKowa.

UKowa uthi uMasipala uxakekile ezama ukuba iimali zamaphulo ophuhliso zithunyelwe kuMasipala ukuze kuqale iiprojekthi. Xa nje imali ithe yathunyelwa, umsebenzi uza kuqala. Okwangoku asinakukwazi ukutsho ukuba iza kuthunyelwa nini imali.

“Le nyewe (yale bhulorho) ingxamisekile kwaye silindele impendulo encumisayo kwiCOGTA nakwiSebe lezeMali likazwelonke, ngenxa yokuphucuka kwesicwangciso sokubuyisela uzinzo kwezemali (sikaMasipala),” utshilo uKowa, esithi le bhulorho yaseBacclesfarm ixabisa iR11.3 million.