Sakuthothoza ubomi bonke ejele isidlwengu!

URafito Payito Wane (27) welizwe laseMozambique kwakunye noKwanele Yaya Mlinganiso (28) waseGcuwa, baza kuchitha ubomi babo ngaphakathi ejele emva kokufunyanwa yiNkundla yeNgingqi yaseGcuwa benetyala lokudlwengula.

Ngokwengxelo kaCaptain Siphokazi Mawisa, ezi ziganeko zenzeke ngokwahlukeneyo. UYaya ugwetyelwe ukudlwengula owasetyhini onama28 eminyaka ubudala ezelwe kwilali yakuZangwa kuNdabakazi kude kufuphi naseGcuwa. Oku kwenzeka ngoMsintsi wonyaka ophelileyo.

UPayito ugwetyelwe ukudlwengula owasetyhini onama22 eminyaka ubudala waseBika, eLalini eGcuwa. Oku kwenzeka ngeyeThupha ka2021.

INkumanda yesiThili saseAmathole, uNgangema Xakavu, usiqhwabele izandla esi sigwebo, ekwaqhwabela abecuphi ebebephanda ngala matyala, uWO Siyabulela Yeyana kwakunye noConstable Yamkela Lukhanyo Fanteso. UXakavu uthi uyasamkela esi sigwebo siqatha, sakuthi sibe sisifundo nakubanye abenzi bobubi.