Sakuvela kweyeSilimela isidlwengu senqununu

Inqununu enkundleni Umfanekiso: Michael Pinyana

Lihlehliselw’ umhla wamashumi amabini kweyeSilimela ityala lenqununu yesikolo iBlythswood Junior eNgqamakhwe etyholwa ngokudlwengula umfundi wesi sikolo owayeneminyaka elishumi elinesithathu ngelo xesha.

USiviwe Shosha (51), inqununu yaseBlythswood Junior, wabanjwa ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga yeKhala nyakenye emva kwezityholo zokudlwengula umfundi wesi sikolo isithuba seenyanga ezine.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi lo mfundi wadlwengulwa ukusuka ngenyanga yoKwindla ukuza kuthi xhaxhe ngenyanga yeKhala kunyaka ophelileyo.

Ityala likaShosha belihlelelwe ukuqhuba kwinkundla yengingqi eTsomo izolo, emva kokuba inkundla kamantyi waseNgqamakhwe izigqibile ezayo iimfanelo njengenkundla encinci.

Ixhoba lodlwengulo belikhona kwinkundla yaseTsomo kodwa umantyi wagqiba kwelokuba malingaqhubi ityala kuba bengekho oonontlalontle bokuhlala ecaleni kwexhoba nanjengoko liselincinci ngokweminyaka.

Umbutho olwela amalungelo amaxhoba okuphathwa gadalala iSonke Gender Justice ububambe imiheshuzo phambi kwenkundla, ngelibonakalisa inkxaso kwixhoba.

Isithethi seSonke Gender Justice uPatrick Godana uthi ulibaziseko lwetyala lufana twatse nolibaziseko lobulungisa ngakwixhoba. Ngokwengxelo yosapho le nqununu ibiye imdlwengulele emzini wayo kwilali yakuNomaheya lo mntwana.

“Lo mntwana ukhathazwa sisifuba (asthma) kwaye ulanda iipilisi ekliniki rhoqo. Le titshala ibithanda ukumkhapha ngemoto xa esiyokuthatha iipilisi. Eli nyala lokumdlwengula liqale apho.

“Babesithi xa bebuya ekliniki, le titshala imthathe imse kumzi wayo ifike imdlwengule. Maxa wambi ebeye amdlwengule phambi kokuba ayokulanda iipilisi. Xa emdlwengule phambi kokuya kulanda iipilisi, ebeye amxelele ukuba makangabisaya ekliniki,” kutsho isalamane sexhoba.

Iingxelo zosapho zikwadiza ukuba le titshala ibiye imnike imali lo mfundi, izama ukumvala umlomo.

UShosha usagcinwe kuvalelo lamapolisa, ukusukela ukubanjwa kwakhe kweyeKhala.