Sakuzamkela iivoti zempazamo, itsho iAIC

AMABANGO okuba umbutho iAfrican Independent Congress (AIC) ufumana iivoti ngenxa yeAfrican National Congress (ANC) aphinde avela ngethuba lengxoxo-mpikiswano yezolonyulo ebibanjelwe kwiholo yoluntu eMonti ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

Le ngxoxo-mpikiswano ibisingathwe yinkqubo yezeendaba ethi Abasiki Bebunda yesikhululo uKhozi FM kwaye, ibisasazwa ngqo.

Phakathi kwenye yeenkxalabo ebiphuma kwilungu leANC libango elithi abalandeli beANC bayabhideka yimibala yeAIC xa kuvotwa.

“Umzekelo uvele ubone iAIC ifumana iivoti ezithe xhaxhe nakwiindawo apho ungazange uyibone igaya inkxaso. Ziivoti zeANC ezo,” kubalule ilungu leANC kule ngxoxo-mpikiswano.

Kodwa usihlalo weAIC eBuffalo City uVusumzi Tutu ukuphikile oku. “Thina siyiAIC sisebenza nzima ukufumana iivoti. Iivoti esizifumana eluntwini ziivoti zethu.

“Kodwa ke ukuba ukhona umntu osivotela ngempazamo, sakuyamkela lo nto kuba iyenzeka kuwo onke amaqela ezopolitiko,” utshilo uTutu.

Umbutho iAIC, oqale kweyoMnga ngo2005 njengendibano yoluntu oluphikisana nokususwa kwedolophu yaseMatatiele KwaZulu Natal isiya eMpuma Koloni, unamalungu amathathu kwipalamente kazwelonke apho kubalwa umongameli wawo uMandla Galo.

Kwipalamente yaseMpuma Koloni, iAIC inelungu elinye lepalamente.