Sala kakuhle DA, kutsho uMaimane noTrollip

UMmusi Maimane noAthol Trollip balahlile kwizikhundla zabo kwiDA UMFANEKISO: AYANDA NDAMANE/ ANA
UMMUSI Maimane ulahlile njengenkokheli yeDA echaza ukungavumelani ngemibono yoMzantsi Afrika womntu wonke njengonobangela. 

UMaimane ulandelwe nguAthol Trollip naye olahlileyo njengosihlalo weDA nochaze ukuba lo mbutho owusenawo umbono woMzantsi Afrika womntu omnye echaphazela nokuba iDA ibe nomkhethe ngengxelo eyiqulunqe ngoMaimane. 


Ezi nkokheli zenze ezi zibhengezo ngenjikalanga yangoLwesithathu eRhawutini kwinkomfa noonondaba. Ukulahla kwabo kulandela ukulahla koSodolophu wesixeko saseGoli uHerman Mashaba naye ochaze ukuba ikamva lomntu omnyama lithande ukungacaci kwiDA.  
Ukulahla kukaMaimane kuza emva kwengxelo equlunqwe yiDA nebindulula ukuba makalahle lo kaMaimane ichaza ukungaqhubi kakuhle kwalo mbutho kunyulo lwalo nyaka njengonobangela. 
UTrollip uthi le ngxelo ibe nomkhethe ngakuMaimane, esithi bekufanele ukuba kugxekwa sonke isikhokelo hayi isiqu. 

UMaimane uthi ukukhutshwa kweANC koomasipala abaMbaxa iNelson Mandela Bay, eGoli naseTshwane ngo2016 zezona zinto azingca ngazo. 

UMaimane uthi uza kuqhuba njengelungu lePalamente phantsi kweDA de eve embuthweni. 

Umhlalutyi wezopolitiko uZamikhaya Maseti uthi ukulahla kukaMaimane kuza kuba nefuthe malunga nendlela elijongwa ngayo eli qela. 

“Ngokungaphandle kwamathandabuzo, ifuthe liza kubakho. Abanye babantu abatsha abamnyama bangene kwiDA ngenxa kaMaimane. Xa ehamba ifuthe liza kubakho. Khumbula nabanye oosomashishini bangene kwiDA ngenxa yabantu abafana nooHerman Mashaba. Xa ke kukho iingxaki ezinje, zokulahla kweenkokheli ezimnyama, abantu baza kuqala ukuyijonga ngelinye iliso iDA,” utshilo uMaseti.