SALGA: Sibafuna esikolweni ooCeba

UMBUTHO ojongene nendlela abasebenza ngayo oomasipala kweli iSouth African Local Government Association (SALGA) ikhuthaze ooceba “abanemfundo ephantsi” ukuba basebenzise ithuba elivezwe ngulo mbutho lokuba bathabathe inxaxheba kwinkqubo yokuphuhlisa izakhono zabo.

“Isikolo asiyiyo ijele, sanukoyika isikolo booCeba bakuthi. Yiyani esikolweni ukuze nisebenzise ezo zakhono ukuphuhlisa uluntu enilukhokeleyo. Eli ikwalithuba lokuba niphuhle kwanina kuqala,” utshilo uBhekumzi Stofile, okwiKomiti eMbaxa kaZwelonke (NEC) yeSALGA.

UStofile ebethetha eICC eMonti kule veki, apho isikhokelo seSALGA eMpuma Koloni besibambe indibano entsukumbini ephele ngoLwesibini.

Le ndibano ibixoxa ngemiba edla umzi koomasipala baseMpuma Koloni.

UStofile uthi kooceba abangamakhulu amahlanu aneshumi elinesixhenxe (517), likhulu kuphela elingabonakalisanga mdla kwinkqubo yokufundisa ooceba ngemithetho elandelwa koomasipala.

Le nkqubo, ebizwa ukuba yiIntegrated Councillor Induction Programme kwisigaba sayo sesibini, ifundisa ooceba ngemiba yolawulo, imithetho esetyenziswa koomasipala, uphuhliso kwanendlela eyiyo yokusiwa kweenkonzo eluntwini.

Ethetha kule ndibano, uFikile Xasa, uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento kwaneMicimbi yeeNkosi, uthi into ekufanele ukuba inkenteza kooceba ngumba wokubeka abantu phambili kulawulo lwabo.

“Ndikuthetha oku ngenxa yokuba qho xa kukho uqhankqalazo, uye uve uluntu lutyhola uceba walo ngokusilela. Le nto ke ibangelwa lulawulo oluhexayo noluye luphehlwe bubuqhophololo.

“Mabuphele ubuqhophololo koomasipala kuba le nto ibangela ukuba abantu bangafumani iinkonzo. Yekani ukwenza ubuqhophololo koomasipala kuba le nto isenza intlekisa esizweni,” kutsho uXasa.

USihlalo weSALGA eMpuma Koloni, uMxolisi Koyo, ukhuthaze ulawulo olusekezelwe kwiimfuno zoluntu, esithi ngaphandle koko, uluntu asokuze luxhamle ngokwaneleyo kwiinkonzo zikamasipala.