#SAMA24: Iya kubani iRecord of the Year?

Aka

Abachongelwe kwiTop 20 yeRecord of the Year kumawonga wama24 eSouth African Music Awards (SAMA24) babhengeziwe kwiLive Amp yeSABC1 kuLwesihlanu we20 kaTshazimpuzi.

Kolu luhlu, kucace gca ukuba ukhuphiswano luphakathi kweengoma zomjuxuzo nehip hop.

Imvumi yeRap uAKA ukhokele kolu luhlu ngokuthi atyunjwe kathathu. Iingoma zakhe uThe World Is Yours, Caiphus Song noDon’t Forget To Pray ft. Anatii – zizo ezifumene ingqwalasela.

Ngelixa yena uLady Zamar ebhabhisela phezulu iflegi yomjuxuzo ngoMy Baby noLove is Blind, ukanti uKwesta yena umele iHip Hop ngeengoma zakhe ezitshisayo uSpirit ft Wale noNgiyazifela Ngawe ft Thabsie.

Emva kokubilisa ilizwe ngeengoma ezimnandi, nazo iiDJ kufanele zibe nesizathu sokubhiyoza. UPrince Kaybee uchongwe ngengoma yakhe uCharlotte; uDJ Zinhle noTamara Dey besithi Colours, uHeavy K esithi Inde ehamba noBucie; uLove You Still kaDJ Kent; uMidnight kaDJ Maphorisa ize ibengu-Imali weBlack Motion.

Ezinye iingoma ezivuthayo ezizifumanele indawo kolu luhlu, nguOmunye weDistruction Boyz noDlala Mshunqisi ukuze ibe nguSamthing Soweto nengoma eyindumasi iAkanamali.

IMafikizolo yangena okwesine engxoweni yayo yeSAMA ngeLove Potion, ngokunjalo nayo iMicasa yachongwa kwakane ngengoma yabo ethi Nana.

Ezo ziyolisayo nazo azivalelwanga ngaphandle, uSuited kaShekhinah, * -I do weLaSauce kunye noTigi kaSands – bakhethiwe kwibakala leRecord of the Year. Uluntu kulindeleke luvotele imvumi naloo ngoma ifanelwe leli wonga.

ISAMAs ziza kubanjelwa eSun City eMntla Ntshona ngomhla wesibini kweyeSilimela 2018.