Sasikhona isilumkiso ngamabanjwa aseMonti

Liya likhula inani labantu abafumaniseke benentsholongwane yeKhorona kwiziko loluleko eMonti, kuquka abasebenzi kunye namabanjwa-Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UKUQALA kokurhanelwa kwegosa lentolongo yaseMonti ukuba linentsholongwane yeKhorona, abanye abasebenzi babuza kubaphathi ukuba kungenziwa njani ukuqinisekisa ukuba amabanjwa akosuleleki.

Impendulo ayizange icace gca, ngokokutsho komnye wabo basebenza kule ntolongo nobalisele I’solezwe lesiXhosa kule veki.

Lo msebenzi uthi kwankqu nangexesha apho ugxa wabo sele ehlaliswe yedwa kuba erhanelwa uneKhorona, abaphathi bebehamba “ngesantya sonwabu” bengabonakalisi ukubeka phambili ukhuseleko lwamabanjwa nabasebenzi.

NgoLwesibini, intolongo yaseMonti ibhengezwe ukuba inamabanjwa angamashumi amahlanu anesibini kwanamagosa angamashumi amabini anesithathu athe asoluleleka yintsholongwane yeKhorona.

Uninzi lwala mabanjwa ngabantu ababhinqileyo. Kukho uloyiko lokuba la manani angonyuka.

“Amabanjwa aseza kosulelana phaya eWest Bank. Into exakayo kukuthathwa kwamabanjwa abhinqileyo ayobekwa eMaximum, ijele yamadoda, kodwa ayaziwa ukuba anentsholongwane yeKhorona. Uyenza njani into enjalo?

“Iyasicaphukisa thina basebenzi baphaya ejele kuba abaphathi abawathathi amacebiso wethu,” utshilo omnye umsebenzi encokolela I’solezwe lesiXhosa.

“Okubangele kosuleleke kangaka amabanjwa abhinqileyo kungenxa yabaphathi abangafuni kumamela iingcebiso zethu.

“Sambuza omnye wabaphathi bethu ukuba ngqiniseko enjani abasinika yona eyokuba siza kukhuseleka kwintsholongwane yeKhorona futhi akukho mntu oza kosulela amabanjwa,” kutsho lo msebenzi.

Isebe leeNkonzo zoLuleko kwimbalelwano libonakala libubona ubuzaza bemeko yaseMonti latsho lisithi lifundile kulo nto.

Lo msebenzi waseMonti ukwathe “kwanaloo mabanjwa kuthwa ahleliswe bucala ebehleli kwindlu yabatyeleli, ehlala ngabahlanu”.

“Ukuba ngaba babekhawulezile la mhla ugxa wethu kubonakala ukuba uyakrokrelwa ngale ntsholongwane, bakhawuleze babize amagosa ezempilo, amabanjwa abhinqileyo aliqela ngesindile namhlanje.

Bahlala balinda kwade kwabuya iziphumo ezithi ugxa wethu unayo le ntsholongwane,” utshilo lo msebenzi.

Othethela iSebe leeNkonzo zoLuleko, uSingabakho Nxumalo, uthi basebenzisana neSebe lezeMpilo ukuqinisekisa ukuba amabanjwa afuna uncedo lwezempilo ayaya ezibhedlele phantsi kweliso elibukhali lezokhuseleko.

UNxumalo ukwathe: “Ukubulawa kweentsholongwane kwiziko lezoluleko eMonti kuyaqhuba.”

“Sisifundile isifundo ngemeko yaseMonti futhi oku kuza kubanefuthe kwisicwangciso sokusabela kwintlekele. Kodwa ke kufuneka iqatshelwe eyokuba njengoko intsholongwane ikhula, amaziko ezoluleko akufutshane neendawo zokuhlala aza kuhlala esemngciphekweni.

Amagosa azimasa imisitho kwiindawo zawo zokuhlala afumana ingqalelo, ukogqitha nje ukuhlolwa.

“Sikwathenge iziza ezihamba ngamavili zokuncedisa ukuhlalisa bucala abo bachaphazelekileyo,” utshilo uNxumalo.

UNxumalo ebengekabuyeli kuthi neempendulo ngethuba sibhala eli nqaku izolo malunga namabango walo msebenzi.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za