Sathi cwaka isikhalo kanti ubhubhile!

 

Liyaqhuba sithetha nje kwinkundla yamatyala eMonti ityala lendoda egama linguAyanda Matika (52) ojongene netyala lokubulala ngokungenalusini owayencuma naye uBusisiwe Ngwadla owayeneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo ngethuba ebhubha ngo2019.

UBusisiwe Ngwadla waseAmalinda owabulawa ngokungenalusini ngowayethandana naye uAyanda Matika. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Eli tyala liqale ngoMvulo kule veki kwaye liqhube iveki yonke.

UMatika oko wangena ngenyanga yoKwindla ngo2019 eziseleni akazange ayifumane ibheyile.

Ukubulawa kukaNgwadla kwashiya uluntu lungawuvali umlomo ngenxa yombono owawumbi kwaye umasikizi uzula kumakhasi onxibelelwano.

UNgwadla, wabhaqwa endlwini yakhe kudederhu lweeflethi eEmerald Sky eAmalinda enamanxeba aliqela kumzimba wonke kwaye sele ebhubhile, eze, nendlu ibomvu ligazi. Esi sehlo senzeka kweyoMdumba 2019 emini.

Esi sehlo saqatshelwa ngabahlali bezi flethi emva kokumane besiva isikhalo ecela uncedo ongasekhoyo. Abahlali bathi besiya uyokuhlangula sabe isikhalo sele sithe cwaka.

Ngokwengxelo, ukubulawa kukaNgwadla kulandela emva kokuba unyana kaNgwadla waxelela uMatika ukuba unina unenye indoda ancuma nayo eMonti. UMatika wabuya eseKapa.

Emva kokwenza awakwenzayo kwixhoba waphindela eKapa nowavela emva kwenyanga ukuze abe uyabanjwa.