SATMA: Kheth’ omthanda njengofish ngoku!

KULO nyaka, iiMbasa zoMculo wesiNtu (SATMAs) ziza kuhlonipha amaqhawe namagqala kumculo, amaqhula, unomathotholo, iimbongi nabanye.

AbeeSATMA bathi abatyunjwa baza kuhlonitshwa, abayi kukhuphisana, ndaweni yoko abagwebi beeSATMA baza kukhetha abo bafanelwe kukuwongwa.

IiSATMA zalo nyaka ziqhutywa ngobambiswano nephondo laseMpumalanga ngomhla wesihlanu kweyoMnga / Disemba 2020.

La mawonga angena kunyaka weshumi elinesihlanu eqhuba, kwaye njengeminye iminyhadala eqhutywe ku2020, nawo kulindeleke azeke mzekweni ngokuqhutywa ngobuxhakaxhaka be-intanethi.

“Abatyunjwa abayi kuvotelwa ngokuthunyelwa kweeSMS.

Sicela nityumbe iqhawe lomculo wesintu, imvumi, iqela, umsasazi kanomathotholo, iqhula nentatheli oyibona ifanelekile kuwe okanye kwisikhululo sakho sikanomathotholo,” kutsho abaqulunqi beSATMA.

“ Ifomu iza kufumaneka online ukuze igcwaliselwe loo mingxili uyityumbayo, isikhululo sakho sikanomathotholo okanye inkampani yoshicilelo.

“ Ubani kufuneka ethumele iinkcukacha ngalo mntu amkhethayo, umfanekiso / icwecwe okanye iDVD yakhe,” kutsho abavelisi beSATMA.

Abavelisi balo msitho bayacela ukuba izicelo zokutyumba zifakwe ngonxibelelwano lwe-online okanye ngeposi, kule dilesi, 337 Roslyn Ave, WaterKloof Glen Pretoria, besithi oku bakwenza ngokuthobela imiqathango yeCOVID- 19.

Inyoba yokutyumba abo bafanelwe kukuwongwa ivule ngoLwesibini wale veki, umhla we11 kweyeThupha de ibe yintsimbi yesithathu ngomhla we30 kweyoMsintsi 2020.

Umxholo walo nyaka weeSATMA uthi Celebrating Afrika.