Scholarship Fund: Nali ithuba lakho!

INGABA ungummi nomfundi waseHumansdorp, Hankey, Patensie, Thornhill naseJeffreys Bay onomdla wokwenza izifundo zezolimo (agriculture), ezokhenketho (tourism) kwanezemfundo (education) eyunivesithi?

Ukuba impendulo yakho ngu “ewe”, ingaba uhlala kumgama oziikhilomitha ezingamashumi amahlanu (50km) okanye ngaphantsi, ukusuka kwiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay (Jeffreys Bay Wind Farm)?

Ukuba impendulo yakho ngu “ewe” kwakhona, ungasethubeni lokuphumelela inkxasomali yokufunda (scholarship) ephuma kwiGlobeleq Scholarship Fund (GSF), nexhaswa yiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay.

Ummi nomfundi waseJeffreys Bay uAmaarah Basadien owafumana inkxasomali yokufunda phantsi kweGlobeleq Scholarship Fund UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Njengenkqubo yenkxasomali yabafundi ephantsi kwecandelo lombane ohlaziyekileyo woMzantsi Afrika, iGSF ifikelela kumaphondo amahlanu ngeenjongo zokuqhubela phambili nemidla yeenguqu elizweni kwanokuphuhlisa izakhono zoluntu olurhangqe ezi fama zophehlombane ngomoya.

UHlengiwe Radebe, onguMlawuli woPhuhliso loQoqosho kule Fama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay, uthi le nkxasomali yokufunda inikezwa ncakasana abafundi baseMpuma Koloni naseMntla Koloni abanqwenele ukuqhubeka nemfundo yabo kwicandelo lezemfundo, ezolimo, ubumongikazi (nursing) eMntla Koloni kuphela, kwakunye nezokhenketho (eMpuma Koloni kuphela).

“Ezi ndawo zifuna olu hlobo lwezakhono ukuxhasa uphuhliso loqoqosho lwengingqi,” utshilo uRadebe.

“Siyathemba ukuba abantu abatsha baza kulithabatha eli thuba lokuqhubeka nemfundo, neliza kunika ifuthe kuluntu lwabo, nanjengoko imfundo enomsila inyusa izinga lezakhono.”

Kwakhona, iGSF ikwanenkqubo yobuNjineli eyilelwe ukuxhasa icandelo lombane ohlayiziweyo nokuqiniseka ukuba umgqeku wetalente uhlala uhleli. Le nkqubo yobuNjineli inikezwa kuzwelonke kumaziko ahlohla iMechatronic okanye iElectrical Engineering.

Ukuze ufake isicelo kule nkxasomali, tyelela eli khonkco http://globeleq.auraams.app/