Senzeni rhulumente?

Umama uStikilane Khakane, Max Nqweniso, Nombuyiselo Mahlalexola, Florence Ngamnteni, Nobomvu Mtshambela, Buyiswa Dingela noNothaketheni Mtima Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

“Ingaba senzeni thina kurhulumente wethu, kunini sihlupheka apha eZiphunzana kufakwa abantwana ezindlini sijongile, yhini senzeni kurhulumente wethu!”

La ngamazwi kaNothakatheni Mtima (57) osele egqibe iminyaka engamashumi amane ehlala eZiphunzana ekunye noogxa bakhe bathi baphelelwe lithemba lenkululeko.

Ilokishi yaseZiphunzana izelwe ngamaxesha apho urhulumente wobandlululo ebebhekelisa abantu abamnyama edolophini yaseMonti. Bahlala kwizindlu ezakhiwe ngenkcenkce, indlu yangasese inye, akukho zitalato, bayenzakala xa kunetha kuba bayatyibilika, bayanetha ezindlwini abahlala kuzo.

Abahlali bale lokishi bayazi kakuhle incasa yengcinezelo nanjengoko bathi babhujelwa ngabantu emzabalazweni kwiziganeko ezahlukeneyo.

Ngomhla weshumi elinanye ngenyanga yeThupha ngo1985, le lokishi yabhujelwa ngabantu abalishumi elinesithathu bebuya kumngcwabo kaVictoria Mxenge kwaRayi, eQonce.

Othethe egameni lesebe lokuhlaliswa kwabantu eMpuma Koloni, uLwandile Sicwetsha, uthi ngenene zikho iingxaki ezimalunga nokuhlaliswa kwabantu kula ngingqi.

“Okwethu silisebe kukuba sakha izindlu ngokoluhlu esilufumana kumasipala, umcimbi wokungeniswa kwabantu kwizindlu xa sele zakhiwe yingxaki yakwamasipala,” utsho uSicwetsha.

Uthi kwelinye icala abantu abadala abanalwazi laneleyo malunga neenkcukacha zobunikazi bezindlu zabo. Uceba wala ndawo uClara Yekiso Morolong, uthi uyazazi iingxaki zala ndawo ngokukodwa kwa-C apho bahlala khona aba bantu.

“Ukwakhiwa kwezindlu eZiphunzana yenye yeengxaki endibanika ulwazi ngayo abantu yonke imihla, ekupheleni kukaTshazimpunzi bendiphaya kula ndawo ndinika abantu ulwazi ngeengxaki eziquka izindlu,” ucacise watsho uMorolong.

Uhambisa athi ingxaki ephambili elibazisa ukwakhiwa kwezindlu yinkampani yakwa-Asla eyanikwa lo msebenzi ukusukela ngonyaka ka2010, uthi umasipala usezinkundleni ngale ngxaki kunye nale nkampani.

UNobomvu Mtshambela uhlala etyotyombeni nonyana wakhe okhubazekileyo, ogulayo ukusukela oko wazalwa.

“Kunzima ukuphila nomntu ogulayo, okhubazekileyo kwindlu efana nale, kudala ndicela uncedo kooceba abohlukeneyo, andisayazi ukuba ndingenza ntoni ngoku,” engenathemba, utshilo uMtshambela.

UMax Nqweniso walahlekelwa ngumlenze wakhe ngenxa yomzabalazo, uhlala kwityotyombe elinethayo njengabanye.

“Ndaqhawuka lo mlenze emva kokuba kubhubhe umfo owayesebenzela umasipala uMatoti, amabhulu ayedubula nje apha eZiphunzana efuna uToti engakwazi kubiza igama likaMatoti, ndenzakala ngaloo mini ngo1985,” uthethe watsho uNqweniso.

Ethetha nabahlali baseSoweto ngeCawa, umphathiswa wesebe lokuhlaliswa kwabantu kweli uLindiwe Sisulu uthethe wathi. “Siyazazi iingxaki zenu ezimayela nezindlu neendawo zokuhlala, kodwa sineengxaki ezinkulu esijongene nazo singuMzantsi Afrika, asitsho ukuba izindlu aziyongxaki, asikuko ukuba asinimameli,” uthethe watsho uSisulu.