Sibalula indlela esiphumelele ngayo isikolo saseKhayelitsha

Isikolo samabanga aphezulu iSiphamandla eKhayelithsa eKapa umfanekiso: unathi tuta

Intsebenziswano phakathi kootitshala, abazali kwakunye nabafundi ngunobangela wempumelelo ekhulayo kwiziphumo zebanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamile iSiphamandla Senior Secondary School eseKhayelitsha eKapa. Oku kudizwe yinqununu yesisikolo uAndile Magadla.

ISiphamandla sesinye sezikolo ezithe zanenani eliphezulu labafundi abaphumelele ibanga leshumi kunyaka ka-2016 kwizikolo ezikwilokishi yaseKhayelitsha.

Siwuqale lonyaka ngabafundi abalikhulu namashumi asixhenxe ananye kwibanga leshumi, abathathu kubo bayeka phakathi, omnye wasweleka logama omnye engabhalanga emva kokubanjwa ngamapolisa.

Likhulu elinamashumi amathandathu anesixhenxe abafundi abebechophela imviwo zebanga leshumi, kwaphumelela ikhulu elinamashumi amathandathu ananye, kwabathandathu abangaphumelelanga, isihlanu kubo sizuze ithuba lokubhala imviwo zokuxabangela kwinyanga esiya kuyo, kwaye banethemba. Kwabo baphumeleleyo ngamashumi asibhozo anesixhenxe abaphumelele emagqabini ngeziqinisekiso zokungena kumaziko emfundo enomsila.

UMagadla uthi, “Lempumelelo ifumaneka ngenxa yentsebenziswano eluqilima, ngokuzimisela kootitshala, abafundi kwanabazali. Ngenxa yokuba abafundi bethanda ukufunda bengamaqela sibanika inkxaso njengesikolo ngezixhobo zokufunda kwanokutya apho kulomzi bazifundela kuwo.”

Uqhube wathi “Indlela abazimisele ngayo ootitshala bafumaneka nangaliphi na ixesha ukunceda abafundi bengajonganga kufumana mbuyekezo.”

UMagadla uthi abafundi bafumana inkxaso yokwenza izifundo ngeempelaveki, kwaye esisikolo sibafunela uncedo lokufunda nasemva kwexesha lokufunda lesiqhelo, kwaye yilo mizamo engunozala weziphumo abathe bazizuza.

Nangona esisikolo sizingca ngempumelelo yabafundi bebanga leshumi sinengxaki yabafundi abayeka phakathi nabangaliphumeleliyo ibanga lesibhozo.

UMagadla uthi ucinga ukuba unobangela kukuba abafundi baqala izifundo ezitsha, kwaye abanye bakhetha izifundi ezingabafanelanga. Kunyaka ophelileyo ngamashumi amathathu anesihlanu abafundi abangaphumelela kwibanga lesibhozo.

Noxa kunjalo uMagadla uthi bazimisele ukugcina izinga lempumelelo kwibanga leshumi liphezulu.

Umfundi owenza ibanga leshumi kwesi ikolo uBongile Mfikili uthi “Ndiyasithanda isikolo sam ngokuba ootitshala bethu bayasixhasa bayakwazi ukunyamezela imibuzo esiyibuzayo, kwaye basinika ixesha singabafundi xa sinezinto esingayiqondiyo, abadikwa kukusicacisela.” UMfikili wafika kwesisikolo esenza ibanga lesithandathu kwaye akukho nalinye ibanga awakhe waliphinda.

Iphondo leNtshona Koloni liphume kwindawo yesibini kuzwelonke ngamanani aphezulu wabafundi abaphumelele ibanga leshumi kunyaka ka 2016.

isibhalo@inl.co.za