Abarhanelwa ababini, abaneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) namashumi amane anesibini (42) ubudala, babanjwe ngamapolisa aseMqanduli emva kokuba bebethe babulala umfana onamashumi amabini (20) eminyaka ubudala kwingingqi yaseTongwana, eKhalalo AA ngoLwesibini umhla weshumi elinanye (11) kweyeSilimela 2024.
Ingxelo yesithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo, ithi kutyholwa ukuba umfana obhubhileyo waya kwikhaya lomnye wabarhanelwa emtyhola ngokuthandana nesithandwa sakhe waze waqhekeza iifestile zendlu.
“Umrhanelwa emva koko wafowunela umhlobo wakhe baza bobabini babetha lo mfana ngeenduku ngelixa izandla zakhe zibotshelelwe ngentambo bamgcina endlini de wabhubha,” utshilo uMatyolo.
Abahlali baye baxelelwa ngesi sehlo ze baxelela amapolisa, emva kophando amapolisa ababambe aba barhanelwa babini.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Cetyana, ulumkise uluntu ukuba ukubulawa kwabantu ngokungenangqiqo nenkohlakalo akusokuze kunyanyezelwe ngamapolisa kungoko umgaqo-siseko unika wonke umntu ilungelo lokuphila.
Omabini la madoda abekwe ityala lokubulala kwaye azakuvela kwinkundla kamantyi yaseMqanduli ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesine (14) kweyeSilimela 2024.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!