‘Sibulawa kukutya kwale mihla!’

Utata uMafutha Kobo ekunye noNkosi Mthuthuzeli Makinana esika isonka sokubhiyozela ukugqiba iminyaka elikhulu

UMafutha Mbangi Kobo (100) waseZikhova, eTsholomnqa, utyhola ukutya okutyiwa kula maxesha ngokuba ngunobangela wokungaphili ixesha elide kubantu boMzantsi Afrika.

Le ndoda yaseMaGiqweni igqibe iminyaka elikhulu yalibonayo ilanga ngenyanga yeThupha kulo nyaka, kwimpelaveki egqithileyo yenzelwe umbhiyozo ngabantwana, abazukulwana nesizukulwana sayo ekhayeni layo eZikhova, eTsholomnqa, bevuyela iminyaka elikhulu.

“Asikhange sitye kutya kwenziwe ngezichumiso, asikhange sitye nyama itofiweyo, namhlanje intshontsho lenkukhu ligqiba iveki ibenye, kwiveki yesibini sele kusithwa yinyama, lityiwe, kuba likhuliswa ngokungxama. Asikhange sitye ezo zinto thina,” uthethe watsho uMafutha, echaza imfihlelo yakhe yokuphila ixesha elide.

“Inyama yento exheliweyo ibigqiba iintsuku ezintathu igciniwe, kusuku lwesithathu ibilahlwa kuba ayisenakutyiwa, nina kweli lenu ixesha niyigcina kwisikhenkcezisi nakugqiba nithi isalungele ukutyiwa kuba niyalamba,” ucacise watsho uKobo.

Empilweni yakhe nenkosikazi yakhe engasekhoyo, uNolisini Kobo, uMafutha ulizwe ngabantwana abane, oonyana abathathu nentombi enye, abazukulwana abangamashumi amathathu anesihlanu, nesizukulwana esilithoba. Le ngwevu isebenze njengomqhubi weloli kwamasipala waseMonti iminyaka engakwaziyo ukuyikhumbula. Unyana wakhe ominyaka ingamashumi amathandathu ubudala uMxolisi Kobo (60) uthi ugcinwe nguThixo utata wakhe.

“Simenzela zonke izinto ezimkholisayo, ezo zinto ziquka ukuthanda iinkomo, ndamthengela iinkomo zokuba aluse ndisaphangela, walusa ezo nkomo nangoku,” uthethe watsho uMxolisi Kobo. Nangona ezelwe ngonyaka omnye no-Oliver Tambo, kodwa ungumkhuluwa kuye ngokwenyanga abazelwe ngazo.

Umzukulwana kaMafutha, uThabisa, uthethe wathi ngoyise mkhulu:

“Besibulela kuThixo ukuba esigcinele yena ade agqibe iminyaka elikhulu, abonwe ngabantwana bethu, sifune ukuthetha ekhona ngothando esilifunde kuye,” uthethe watsho uThabisa.