Sibulela I’solezwe ngoncedo lwaseKZN

Usapho lakwaDyantyi eBarkley East lunendawo yokufihla intloko ngoncedo olulufumene eKZN UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Usapho lakwaDyantyi kwilokishi iLulama Hlanjwa eBarkley East lunendawo yokufihla intloko ngoku, enkosi kwibali elilusizi ebelipapashwe leli phephandaba, I’solezwe lesiXhosa, kweyeSilimela.

UFikile Dyantyi (30), ulivolontiya elenza inkqubo yomculo kamaskandi Ekhephini Community Radio. Waphumela elubala ngentlungu yosapho lwakhe. Uthi umama wakhe wayehlalisana natata othile kwindlu eseBarkley East.

Ukusweleka kwalo tata ngo2013, usapho lwalo tata lwafika lusithi mabakhangele enye indlu. Olu sapho kwanyanzeleka ukuba lukhangele enye indawo, kodwa yabe imali ingekho, kuba umama kaDyantyi akaphangeli kwaye akakafikeleli kwiminyaka yenkamnkam yabadala.

Olu sapho uncedo lulufumene kwiphondo laKwaZulu Natal, kwaye abawuvali umlomo lolu ncedo kuba ngoku banendawo yokufihla intloko.

“Ndifumene uncedo emva kokupapashwa kwebali lam liphephandaba I’solezwe lesiXhosa. Ndincedwe nguMnu. Victor Xaba, oye wasithengela izixhobo zetyotyombe. “Yena uMnu. Vuyisile Somadani uye wathi uza kusakhela ityotyombe xa sele zikhona izixhobo. Thina sivuyela ukuba nendawo yokufihla intloko, siyeke ukuxhomekeka emntwini.

“Silusapho lakwaDyantyi sivuya kakhulu sikwambulela utat’ uVictor Xaba ngento asenzele yona. Yanga uThixo angamomeleza, amnike amandla ayenze nakwabanye abantu into asenzele yona,” utshilo uDyantyi.

UXaba usebenzela isikhululo sosasazo saseThekwini, Izwi loMzansi. Uthi wabona eli bali lingosapho lakwaDyantyi kumnatha wonxibelelwano.

“Xa ndiqala ukubona eli bali, ndathi lo ngugxa wethu. Ndamfowunela, apho ndathi ndavakalelwa libali lakhe lentsokolo. Ndabuza ukuba singamnceda njani, wathi ufuna indawo yokufihla intloko,” kutsho uXaba.

UXaba uthi wawuphosa kubaphulaphuli umba, kodwa naye wafaka isandla. “Ndikholelwa ukuba esi sisigaba sokuqala. Olu sapho lusalufuna uncedo. Ndikwafuna nokubona lo mfana ephumelela ebomini, ngenxa yokuba unesakhono,” utshilo uXaba.

Kwabo banokongeza, uDyantyi ufumaneka kule nombolo 073 008 0004.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za