Sibulis’ intwasahlobo

Sithi bhota ntwasahlobo! Siva ngentsholo yabelusi uba ihlobo lithwasile, Nenkululeko emnandi yokufika kohlaza, Imfuyo iyatabhata emadlelweni, Ubuhle obunik’intsikelelo nethemba, Imozulu emyoli nezolileyo, Samkel’imin’ende nomoya opholileyo, Ulwandle luzakwamkela abahlobo abatsha.

Seyiqalile intsholo kaphezukomkhono, Nelizwe liqala ukuba mbeje-mbeje, Wamhle nomhlaba uqala ukuncuma , Intyantyambo ziyekile nazo ukukhedama, Zimbeje-mbeje kwaye ziqhele-qhele, Ziziqhayisa ngemibala egqamileyo neqhakazileyo, Abantu nabo baqhakazile njengentsiba zepikoko eziqaqambileyo, Nenkwekhwezi ziyazibalula ngobuqaqawuli, Inkung’igabukile naphezu kwehlathi lobugqi, Amagqirha amagqwirha namagqiyazana nawo agqamile njengekhwezi.

Bumkile ubusika buhambe nengqele nothuli, Bushiya imfudumalo,ubuhle nohlaza, Samkel’intlakohlaza ngovuyo nemincili, Nabantu bazibalula ngempahl’ ezimibala-bala, Kusindwe ngobethole nakwizilwanyana, Inyosi nazo zigcobile ziyafunxa kwimvomvo, Kuzakuvel’izisu kubantu nakwimfuyo, Kuzalisekisw’izibhalo xa zithi qhamani nande, Kuzawuphuphuma amaselwa kubhonxe imebele namabele, Ihlobo lithwasile,uhili uyaphuma ezingcongolweni, Siyabhotisa ntwasahlobo!

Sibuka imingqandandana yenkonjane, Ziqal’ukuphaphazela ngalomaphikwana, Silindel’amagqaza nawo azibonakalise, Ngelixa oojobela sebephithizela ngalo mibala inomtsalane, Owu uthekwana ngokuthand’injezu, Ukuqala kwentwasahlobo kukudubula komsintsi, Kuvel’imbotyi yethamzanqa, Ekhatshwa kukundanda kwenqilo intak’ethamsanqa, Ixesha elisikhumbuza ngenkcubeko, Ixesha elinefuthe likawayidlokova, Ixesha lokuziphicotha ubuntu bethu, Ixesha lokukhumbula amagugu, Ixesha lokuzithemba nokuzithanda, Samkel’intwasahlobo ngoyolo.