‘Sicela nokuba lityotyombe lekliniki’

 

Indawo yaseFolokhwe eneelali zayo eziphezu kolwandle eXhorha itsala umdla kwabangazalelwanga phaya ngenxa yobuhle bendalo, lube lona uluntu lwale ndawo lusithi nokuba kungasa kusithiwa malufuduke luye kwindawo engcono alunakutshitshiliza.

Oku kungenxa yokuphila phantsi kwentsokolo efana nokungabikho kweenkonzo ezingundoqo zikarhulumenente kuzo ezifana nekliniki.

Eli lihlathi eliphakathi kwelali iFolokhwe kunye naseNqileni okuyilali enekliniki. Abahlali bathi izehlo zokugetyengwa kweli hlathi zixhaphakile kwaye kubenza bahambe umgama omde okuyokukhwela isikhephe : BHEKI RADEBE
UNtobeko Nhlanganiso nongumqhubi wesikhephe kwilali eNqileni eXhora nonceda abantu aboyika ukugetyengwa kwihlathi elikwindlela eya ekliniki ekwilali iNkanya Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UMdzwane Mbele kunye noGibhagibha Tunana kwilali yaseFolokhwe eXhora bangabanye babahlali abaxhalabileyo ngezehlo zokugetyengwa kwihlathi elikwindlela eya ekliniki ekwilali engaphesheya komlambo Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UNolusindiso Bhokleni kunye noNofasile Ngqo bebuya ekliniki ekwilali yaseNkanya engaphesheya komlambo iXhora Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UNtobeko Nhlanganiso nongumqhubi wesikhephe kwilali eNqileni eXhora nonceda abantu aboyika ukugetyengwa kwihlathi elikwindlela eya eNkanya -Umfanekiso: BHEKI RADEBE
SOUTH AFRICA- Xhora- 17 May 2021-UNolusindiso Bhokleni kunye noNofasile Ngqo bebuya ekiliniki, besihla kwisikhephe esiqhutshwa nguNtobeko Ntlanganiso kumlambo iXora -Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Ibe yintlungu xa I’solezwe libona amaxhego kwakunye namaxhegwazana aneminyaka engaphaya kwamakhulu asixhenxe ezelwe, amanye awo ahamba ngeentonga ngenxa yokuhlutshwa yimilenze ehamba umgama omde ngeenyawo ukuya kwikliniki ekwilali engaphesheya kwaNkanya, apho banqumla kwihlathi elide elimnyama kuba bona bengenayo kweyabo indawo ikliniki.

Nangona ibonakala ikude kwale yaKwaNkanya, kubahlali bala mmandla kubo yeyona ingcono kunezinye.

Abahlali bathi ngenxa yeziganeko ezithe gqolo zisehla kweli hlathi ezokudlwengulwa kwamanina nokuxhwilelwa iibhegi, oku kubenza baqale bacinge phambi kokuba baye ekliniki.

Bathi abayi ngakuthanda ngeenyawo zabo ekliniki, kungokuba ayikho indlela yokuhamba iimoto, lihlathi elisethafeni, yeyeenyawo ekhoyo abazivulelayo kuba befuna ikliniki.

Enye indlela abaye baye ngayo KwaNkanya kukuba bayokuwela ngesikhephe besuka kwangenyawo eMdeni nakwaTshezi, besiya kwilali yaseNqileni, apho bafika bawele ngesikhephe, bewela umlambo obizwa ngokuba yiXhorha Mouth.

Abakucela kurhulumente kukuba babe besakhelwa nokuba ngumkhukhu abazokwazi ukufumana iipilisi zabo zezigulo ezixheshayo.

Omnye wabancokole nentatheli nguMdzawe Mbele (63):

“Mhlawumbi sesiguliswa nayile ndlela siyihambayo kuba kaloku siyaminxeka izifuba, kuvuke namadolo. Ndihlutshwa sisifo sepresha, andikwazi ukungayi uyokuzilanda iipilisi. Kwaye akufuneki unikele kufuneka uyokuzilandela ngokwakho uzolwazi olunye usuku olwakuthi lulandele lweepilisi zakho. Siyacela masibonelelwe ngabaphetheyo,” utshilo Mbele.

UGibhagibha Tunana (61) uthi xa ungaziva mnandi mpela ungazukwazi ukucothoza ngenyawo, kuye kufuneke umntu anyanzeleke aqashe imoto neza kuqale iyokujikela ngasesibhedlele eMadwaleni njengoko ingekho enqumlayo.

“Bendikade ndincedwa ngumfazi wam ayokulanda iipilisi zam. Kodwa ngoku akuthathelwa mntu kwaye nabafazi bethu bayoyika kuba abasakhuselekanga, bayadlwengulwa esapha,” utshilo uTunana.

UNofasile Gqo uthi bayazincama xa kufuneka beye ekliniki kuba bengenokwenza ngakumbi. Uthi bade basiqhela nesikhephe kuba babesoyika ukukhwela kuso.

“Asikhuselekanga tu! Uyakwazi ukuva ucelemba sele ebanda egxeni lakho ube uphakathi kungekho kwamntu unokuva xa ukhala, siye sinikezele ngeefowuni nangemali kuba sisoyikisela ubomi bethu.”

Uthi baye bakhangelane xa omnye izokuba lusuku lwakhe ekliniki kwenzele bahambe beliqela. Nangona esithi kubanzima ke kuba iintsuku zabo zokuya ekliniki azifani.

Ukuya edolophini eXhorha kwanokubuya kuxabisa iR100 ngenxa yobude.

Abaninzi abahlali bathi nonyaka uyaphela bengayanga edolophini ngenxa yokudinwa komzimba yindlela ende. Abanye bathi bayaya xa kukho into enyanzelisayo.

Kwaye nabantwana besikolo xa kufuneka beyokucwangcisa ekliniki bayaphazamiseka ezifundweni zabo kuba banolu suku baluchitha lonke kwindlela eya eklinikhi. Abantu abaninzi babhubhela endleni, abanye ezindlini besalinde iAmbulensi ethatha ixesha ngenxa yobude.

Oqhuba iiveni kule lali uThusile Nomtati uthi bazinikela ekubeni nanini ebusuku xa bevuswa baphakame base abantu eMadwaleni.

“Kunetha kushushu kufuneka siphakamile kuba ubomi babantu abagulayo, abalunywayo nabahlatyiweyo buxhomekeke kuthi. Ukubhubha kwakhe la mntu ndim ozoshiyeka ezisola ndithi ukuba bendivukile mhlawumbi ngesindile. Abantu balapha baxhomekeke kwipeyi, uninzi ndibasa ngetyala bandibhatale mhla ngepeyi.”

UPhumzile Msaro okwikomiti yewadi uthi bayisikelwa kudala indawo ebabethenjiswe ngokwakhelwa kuyo ikliniki phaya elalini eMdeni eza kuthi ijongane neelali zonke eziphantsi kweFolokhwe.

Uthi ngoko uMphathiswa weSebe lezeMpilo yayisenguTat’ uBevan Goqwana.

UMsaro uthi ebekhe wambhalela uMphathiswa okhoyo wezeMpilo nobethembise ngokuphinda bawulandelele lo mcelimngeni.

Ngethuba I’solezwe lityelele kule lali ngoMvulo wale veki, amagosa ecandelo lakwaEMS ebetyelele eBhulungula Lodge eNqileni kwalapha esithi ayokuhlola iindlela.

Isithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi iingingqi eziquka ezi lali zaseXhorha ziyakuxhamla kwinkqubo ye-inshorense yezempilo kazwelonke iNHI [National Health Insurance] neqhutywa liSebe lezeMpilo kuZwelonke.

Ezi kliniki zakhiwa kooMasipala abaphantsi kweOR Tambo kuquka noMasipala uMbashe, ngokutsho kukaKupelo.