‘Sicela ukukhuselwa kudushe loonoteksi’

Kunyanzeleke ukuba kungenelele amapolisa izolo befunana esikhumbeni oonoteksi beerenki ezimbini eMthatha kulandela ukungevani ngendlela yaseBhongweni.

Le mbambano sele inexesha eliziinyanga iqhuba, kodwa akukabikho sisombululo. Iirenki ezichaphazelekayo yeyaseKhwezi kunye neGolden Egg.

Ngentseni yayizolo abahlali bavuke ngonyezi bayovala indlela kufutshane neziko lombane lakwaEskom besithi badiniwe kukuphathwa gadalala ngabaqhubi bezithuthi betsalana ngabo bagqibele bengamaxhoba alo mlo.

Amapolisa ommandla waseMthatha ageleleke buphuthuphuthu bezonqanda le mbambano emva kokuxulutywa ngamatye kwesithuthi sikawonkewonke kule ndawo.

Omnye weenkokeli zabahlali uNonceba Guma uthi badikiwe lolu dushe, kwaye bafuna kubuyelwe kwindlela yesiqhelo kungene izithuthi zerenki yaseKhwezi.

“Sidiniwe kukudlakatheliswa ngoonoteksi befuna sikhwele kwizithuthi ezithile esingaziqhelanga, abanye abasiphathi kakuhle abanye bayasithuka, abanabuntu, kungoko sivuke ngonyezi sazovala indlela sibonakalisa impathombi nokukhathazeka.

“Sicela ukukhuselwa ngamapolisa kudushe loonoteksi,” kutsho uGuma.

Amapolisa alo mmandla waseMthatha kunyanzeleke akhwebe intlanganiso ekhawulezileyo phakathi kwabahlali nabaphathi bezi renki zimbini nebibanjelwe kwisakhiwo iPRD kodwa nalapho akho sivumelwano kufikelelwe kuso ngenxa yemisindo ebiphezulu.

ULieutenant Colonel Mzukisi Fatyela othethela amapolisa aseMthatha uthe: “Le ngxaki ifuna niyisombulule ningonoteksi abachapazelekayo kodwa thina into esizoqinisekisa ngayo kukuba abahlali bayakhuseleka. Akuzubamnandi xa sele singenelele singamapolisa, kwaye kuzobanjwa umntu owophula umthetho.”

Ilungu lombutho i-UMthatha Taxi Owners Association (UTOA) eziphantsi kwawo ezi renki zimbini zilwayo uthi kudala beyisombulula le ngxaki kodwa oonoteksi basekhwezi abavumi kwamkela izivumelwano.

“Sicebisa abahlali bangazifaki kolu dushe, bona bakhwele kwimoto ephambi kwabo kuba bagqibela bethatha icala,” kutsho eli lungu.