‘Sicela ukumngcwaba enendlu umakhulu’

Ityotyombe ebelihlala uMamNtlane eNdevana eQonce imifanekiso: ithunyelwe

Abazukulwana benkondekazi ebhubhe ilinde indlu kurhulumente, ineminyaka engamashumi alithoba anesithathu (93), bathi eyona ndlela yokunika isidima kumakhulu kukuba akhelwe indlu le kudala wayithenjiswa.

Lo makhulu, obesaziwa njengoMamNtlane, wayeyibhalise kwiminyaka emithathu eyadlulayo. Olu sapho luhlala kwityotyombe eliseNtakazilali eNdevana eQonce, ngoku bacela indawo efanelekileyo yokubamba umngcwabo.

Iingxelo zithi unyana kaMamNtlane ulandulele eli ngePasika kulo nyaka, umfundisi owayeyongcwaba weza noceba eyombonisa imeko kamakhulu ngeenjongo zokufumana uncedo.

“Uceba waza wayibona imeko kamakhulu, wathi noko akanokukwazi ukuhlala umakhulu kula ndlu, uza kumenzela amacala endlu. Wathi uza kusiphathela namagumbi angasese esifihlo, kodwa zange eze,” litshilo ilungu losapho.

“Kodwa sisamcela noko kula meko wayeyibonile enze isidima kuba ingumzi kamakhulu kwaye usweleke ekhala ngayo indlu.”

UMfundisi uSakhiwo Bani uthi abantu xa beyokufaka umthandazo baye bangoneli ngaphakathi kweli pozi.

Ngokonxibelelwano noceba wale ndawo, uMfundo Bota, malunga nokuva ukuba yintoni ebangela ukulibaziseka kwendlu kamakhulu, uye wavakala njengomntu ongazinto, impendulo yakhe isithi, “andakhi zindlu mna.”

Usapho lufuna indawo yokuqhuba umngcwabo kamakhulu, kwaye bamkela nantoni na abantu abafuna ukunikela ngayo.