Sicel’uxolo madoda akuthi!

Siphila kwihlabathi elibhexeshwa nguSathana,

Eligutyungelwe sisithokothoko sobumnyama noLusifa,

UMtyholi ugquba kwiingqondo zabantu esibabiza amadoda,

Ihlabathi elixhatshakelwe kukubulawa kwabantu ngesihluku,

Intliziyo yam iyonakala kwezinye izehlo,

Umphefumlo wam uyadangala kwezinye izinto,

Ndizive ndiphelelwa ngamandla nethemba,

Ndiyive intliziyo ixhelekile ngathi ndilixhoba,

Ndizibuze ukuba kubekiselaphi kumzali,

Kuzizijwili namhlanje elizweni ,

Kulusizi ezantsi emhlabeni ,

Sisuke saziinkedama ezingathembi mntu,

Sobheka phi na Thixo xa siyekelelwa ngumthetho?

Saphel’isizwe sijongile,

Kwaba ngasa ibhinqa libulewe,

Kwaba ngasa ibhinqa lixhaxhiwe,

Isilonda sithunukwa ngesinye,

Sone ntoni kabani mninintozonke?

Yintsimi kabani esiyibhuqise ngeenkomo zethu,

Sicel’uxolo madod’ akuthi kwanele,

Siyalubiz’ uxolo sithi tarhw’ameva,

Silubiz’ uxolo sikhonjwe ngompu,

Nivuthulule silucela sinjalo ,

Silubiza uxolo nisitshisa, nisingcwaba sihleli,

Qhubani ilizwe lelenu nomthetho ungakuni.

Senzeni ukuze niyeke ukusibulala ngendluzula,

Bubukhwele okanye bubushumane ?

Bubushumane okanye bubulwanyana?

Bubulwanyana okanye bubunja ?

Bubunja okanye yinkohlakalo ?

Yinkohlakalo okanye ngumona ?

Ngumona okanye yinzondo ?

Yinzondo okanye yintiyo?

Sicel’uxolo bantakwethu.

Lakuvela phi na uncedo lwethu?

Siphelelwe lithemba kuRhulumente,

Xa sibulawa ngabantu ebekufanel’ukuba bayasikhusela,

Endaweni yokusikhusela bayasixhwitha bayasixhwila,

Basixhele besibona singenaxabiso,

Basihlinze singabenzanga nto ngenxa yobudlwengu,

Amanye amadoda awafanele kubizwa ngokuba ngamadoda,

Ukubulawa kwamabhinqa kuncame kwasisithethe eMzantsi,

Amabhinqa aphila ubomi bentshontsho.

Ukufa kwethu ngokubulawa makufikelele esiphelweni,

Kungenjalo liza kuhloma izulu,

Ukuhloma kwalo lakuhloma lizongome litshawuze imibane,

Ngelo xesha kwakube sekungasekho kusineka,

Asizongqongqo ofun’ingqongqo makazenzele ,

Umthetho mawuyeke ukuba ethe-ethe kula ma-athalala azibiza amadoda,

Akukho ndoda ingabulala ibhinqa egameni lothando,

Akukho ndoda ingabulala ibhinqa kuba ikhweleta,

Indoda yokwenene ayisiqhekez’isibaya ngendlov’iyangena

Kwanele ngoku mazilime ziy’etyeni,

Andithelekisi ndingadali mpixano,

Ukuba amabhinqa afanelwe kukuhlala eziseleni,

Ehlala ngenjongo zokuzihlangula nokuzikhusela MAKUBENJALO!

Mayihlom’ihlasele zimbokodo kucac’icala asikhuselekanga,

SIDINIWE, SIDIKIWE, SONELE ,

Wanga umphefumlo wakho Uyinene ungafumana ukuphumla,

UThixo ukhona uza kulwela nempendulo zakubuya ngexesha elifanelekileyo,

Uphumlile ngoxolo “Baby Lee”

UThixo engumncedi ababulali bakuziphendulela phambi komgwebi,

Ihlabathi lonke lidangele kwaye lizilile.