Kwizigqibo zonke ezithathwayo ebomini asikho esiluqilima njengeso sinokufa phakathi.
Kuyabonakala ukuba kolu hambo luthathwayo lomtshato zilindelekile izinto ezichasayo.Noko xa zingekuko ukufa aziluvaleli uhambo ukuba luqhubeke, ewe ziyaphazamisa, ziyalibazisa kwaye zilwenza uhambo olu lungabi lula.
Zingafika zona zithululeke njengemvula, kodwa xa sisaphila sizakuqhubeka nohambo lwethu, isiphelo solu hambo kukufa.
Lo ngumgangatho ophezulu kakhulu, othi nantoni na esendleleni yethu, siyithatha njengeyoyisiweyo ngenxa yesifungo esi sasenzayo mhla sasishata.
Ukutshata kukuqala uhambo olujonge kwisiphelo, hayi kwizinto zendlela , kuba zona azisosiphelo kuyadlulwa kuzo .
La mazwi kumele ankenteze empilweni yomntu otshatileyo kukuhle, kukubi, libalele, liduduma, komile noba kunezikhukhula , kuba zona zivavanya nje umtshato zidlule kungoko uIsaya 54 ivesi 17 esithi”zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo, zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba.
Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum, utsho uYehova.”
Xa sele uzimanyile ngomtshato wasenza esi sigqibo sokwahlulwa kukufa yazi ukuba amehlo akho kufuneka uwathi ntsho kwimbangi nomgqibelelisi wohambo olu, yena ongasoze anishiye nodwa.
Owuqalile umsebenzi omhle uyakuwufeza empilweni yenu.Qiniseka ukuba awumshiyi ngasemva, makasoloko ekhokele, ecebisa kaye, eyinikwa indawo yobuThixo bakhe kuba unguSomandla igama lakhe, akuphela awenu amandla, awakhe akapheli. Kwaye unguThixo osilwelwayo ngakumbi kwimpi yotshaba elwa nathi.
Kaloku khumbula ukuba utshaba lomntu lwangena emtshatweni, lwabuchitha nobudlelwane bomntu noThixo lachitha nobumnandi obabukho phakathi kwendoda nomfazi kwaza kwachaphazeleka nezizukulwana ezilandelayo.
THATHA INXAXHEBA UKUXHASA UMTSHATO WAKHO
VALA onke amakroba angenza kuthwethwe utshaba, kuba lona lufuna nje ithutyana lokutyala imbewu yokungaboni ngasonye, iqale ingumlilwana othi wakungakhawulezelwa ukucinywa utshabalalise okuninzi uchaphazele nabakude.
YALA ukunikezela ngomtshato olu luhambo lwakho, lithambo lamathambo akho, niyadingana kungoko kumele nibambisane, ninyamekelane nithandazelane, nikhuselane, ngaphezu kwako konke nithandane kuba uthando lugubungela inkitha yezono.
Ukuba awusenalo kwa olo thando lwakhe, lucele kuThixo, yena ungumthombo wothando ubaluthando.
TYALA okulungileyo emtshatweni qokelela zonke izinto ezintle, izakhamzimba zomtshato ukuze womelele umelane nezicimamlilo zasemtshatweni.
Cinga ngazo uziguquguqule kuba ucinga zizala izenzo nokuba imeko imbi, wena cinga kakuhle, kwabaseFilipi 4vs 8”Elokugqiba, bazalwane ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndimiso cingani ezo zinto.”
HLALA, umtshato yindawo yokutya ubomi, side sahlulwe kukufa, ukuze kuhlaleke kuwo, hlala esandleni sombumbi yena ozakwenza kuhlaleke kule meko yomtshato wakho.
UNombini “Mamisto” Maqelana fumana esi sibhalo rhoqo ngoLwesibini naku Alfred Nzo Community Radio (98.3 & 93.8) okanye ku: 079 979 3192
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup