ELondon -Inkonzo yomngcwabo yabucala yentandane yemvumi yasemaNgesini yomculo wePop uGeorge Michael ibibanjwe kusuku lwayizolo [uLwesithathu], oku kubhengezwe ngumpapashi wakhe.
“Izihlobo nosapho baye bagxalathelana kwinkonzo encinane, yabucala, ukuzo kuvalelisa kunyana wabo, umntakwe kwakunye nomhlobo,” utshilo uConnie Filippello ongumpapashi kwingxelo yakhe.
Kuthiwa usapho lukaMichael lufune ukuphosa ilizwi lombulelo kubalandeli bakhe kwihlabathi lonke ngemiyalezo yothando nenkxaso.
Iphephandaba i-The London Evening Standard ibike ukuba uFadi Fawaz, obesisinqandamathe sikamfi, uzibandakanye nabahlobo abaphezulu bale mvumi ukuzokuthi ndlela-ntle kwisithandwa sakhe.
Lo mngcwabo uqhutywe ngenjikalanga yayizolo [uLwesithathu] kumadlaka iHighgate Cemetery ekumntla weLondon, nalapho oosaziwayo, nabaquka uKarl Marx, bangcwatyelwe khona, libalise latsho eli phephandaba.
UMichael, 53, wafunyanwa sel’ebanda kumzi wakhe oseOxfordshire, kwintshona yaseLondon, ngosuku lweKrisimesi.
Ingxelo yoqhaqho-lomzimba ibonise ukuba umfi ubulewe ziingxaki ezoyamene nentliziyo kunye nesibindi.
Iimvumi eziphuma kwelamaNgesi nakwihlabathi jikelele zinike imbeko yazo yokugqibela kuMichael, nowathengisa ngaphaya kwekhulu lesigidi samacwecwe.
Igama lale mvumi lokwenene ibingu Georgios Kyriacos Panayiotou. Waduma ngeminyaka yoo-1980 kwiqela lomculo wePop elalizibiza njengeWham! ekunye no-Andrew Ridgeley, besaziwa ngeengoma zabo ezifana no-“Wake Me Up Before You Go-Go,” “Club Tropicana” kwakunye no “Last Christmas.”
Click here to reply or forward
|
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi