‘Sidiniwe ukwenziwa amakhoboka’

Abasebenzi benkampani iNewden, umzimveliso wamakhandlela eCumakala, bakuqhankqalazo befuna imivuzo engcono kunye nesibonelelo sezothutho kubasebenzi abasebenza ebusuku

NGABASEBENZI abangamashumi asixhenxe anesithathu bomzimveliso owenza amachiza iNewden Boardman Bros, eCumakala, abathe bakhutshelwa ngaphaya kwamasango ngabaphathi bale nkampani kulandela ukungavisisani ngeemeko zempangelo.

Abasebenzi abaphantsi kweCEPPWAWU (Chemical, Energy, Paper, Printing, Wood and Allied Workers Union) bebeheshuza phambi kwamasango ale nkampani kule veki besithi bafuna amalungelo abo.

Ngaphandle nje kokunyuselwa imivuzo, ziluthotho iimfuno ezifunwa ngabasebenzi kumqashi.

UMziwonke Majinga, okhokele iCEPPWAWU kulo mzimveliso uthe: “Umqashi wethu usinyanzela ngesibhozo ekhulwini (8%) kuphela, etyeshela ezinye zeemfuno zethu.

“Ingxaki esinayo sifuna ukuba inkampani ikhuphe isithuthi sokulayisha abasebenzi abatshayisa ebusuku, kuba basemngciphekweni wolwaphulomthetho. Umqashi ufuna abasebenzi beze emsebenzini nokuba beze njani.”

UMajinga uthi eyona bafuna ikhatshwe nguchatha womvuzo, ngumbandela wesithuthi sokulayishwa kwabasebenzi abaphangela ebusuku.

“Sikwafuna ilungiswe into yokubhatalwa ngokomndilili, ngendlela efanayo, kodwa umsebenzi awufani. Enye into esiyifunayo, kukuba umqashi makaye kwisithebe seengxoxo sabasebenzi (bargaining council) siyeke ukuxoxela kulo mzimveliso,” utshilo uMajinga.

UMajinga ukwathi bafuna umqashi abanike iintsuku ezintathu zekhefu xa befuna ukuyokufunda.

“Umqashi usinika usuku olunye kuphela, into ecacileyo yokuba bafuna sibengamakhoboka alapha, singafundi ukuze siziphuhlise,” utsho uMajinga.

INewden Boardman Bros yinkampani eyenza iimveliso zamachiza ezifana nomadubula, amakhandlela, iipeyinti nezikhonkwane.

Le nkampani yaqalwa ngo1969 ngumntu nobhuti wakhe, uNewton noDennis bakwaBoardman, beqala kwisithili saseTsomo kodwa bayifudusela eCumakala.

Sithetha nje le nkampani ithumela iimveliso zayo kuMzantsi Afrika tshitshilili kwanakumazwe afana neBotswana, Lesotho, Swatini, Mozambique neNamibia.

Umlawuli wakwaNewden Boardman Bros, uRichard Boardman, uthi bagqibe kwelokuba babatshixele ngaphandle kwamasango omzimveliso abasebenzi abangamashumi asixhenxe anesithathu kuba bengafuni ukwamkela okubekwa ngumqashi etafileni.

“Sinike abasebenzi bethu * -8%, esicinga ukuba yinto enkulu kakhulu kuba oku sikwenzileyo kungaphaya kweqonga lenzala lonyaka. Nakulo nyaka uzayo, siza kubanyusela imivuzo ngo-8% okhatshwa ngamaqithiqithi,” utshilo uBoardman.

Kumbandela wesithuthi sokulayishwa kwabasebenzi, uBoardman akakhange aphendule ngaphandle nje kokuthi aziyonyani iingxelo zokuba kuphangelwa ebusuku kwaNewden.

Uthi akunyanzelekanga ukuba babekwisithebe seengxoxo sabasebenzi (bargaining council), kuba “ayisosinyanzelo eso” kwishishini lamachiza.

Kumbandela wokuhlawulwa imali enye, ube umsebenzi ungafani, uBoardman uthe: “Kudala siyiqhuba le ngxoxo ngalo mba kuba awululanga. Ewe siyayenza into yokuhlawula imivuzo ngokohlukana kwemisebenzi, kodwa le nto siyiqaphele ukuba ifuna sichule ukunyathela kuba ichaphazela abasebenzi,” utshilo uBoardman.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za